Iinkokheli 7:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. UJerubhali, oko kukuthi uGidiyon, nawo onke amadoda akhe bavuka ngentseni, baya kumisa ngakumthombo waseHarodi. Ke yona ikampu yamaMidiyan yayikwintili engentla kwabo ngakwinduli yeMore.

2. *UNdikhoyo wathi kuGidiyon: “La madoda unawo maninzi gqitha; andingekhe ndiwanikele ezandleni zawo amaMidiyan, hleze aqhayise athi: ‘Sizizuzele ngawethu amandla olu loyiso.’

3. Ngoko ke thetha nawo uthi: ‘Nabani na ogubhayo luloyiko makagoduke, anyebeleze emke apha kwiintaba zeGiliyadi.’ ” Akuba etshilo ke kwajika amashumi amabini amawaka, kwaza kwasala ishumi lamawaka kuphela.

4. UNdikhoyo waqhuba wathi kuGidiyon: “Nangoku asemaninzi la madoda unawo. Yihla nawo uye emfuleni; ndiza kuwaphungula. Ke indoda endithe mayihambe nawe, yohamba, kodwa endithe mayisale, mayisale.”

5. UGidiyon ke waya nawo emanzini apho, waza uNdikhoyo wathi kuye: “Wahlula-hlule la madoda; yonke indoda esela amanzi ngokuwakha ngesandla, ngathi yinja ixhaph' amanzi, yahlule kuleyo icambalalayo xa iselayo.”

Iinkokheli 7