Iinkokheli 6:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ndaniyala ndathi: “Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; ningaze niboyike oothixo bama-Amori enihlala emhlabeni wawo.” Kuloo nto yonke ke anindiphulaphulanga.’ ”

11. Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo saya kwilali yaseOfra, safika sahlala phantsi komthi wom-oki owawungokaJowashe, umfo womzi ka-Abhiyezere. Unyana wakhe uGidiyon wayebhula ingqolowa esixovulweni seediliya khon' ukuze angabonwa ngamaMidiyan.

12. Isithunywa eso ke sabonakala kuye sathi: “UNdikhoyo unawe, gorhandini lomeleleyo!”

13. UGidiyon wathi kuso: “Ngxe, Mhlekazi! Ukuba uNdikhoyo unathi, kungani ukuba sihlelwe zizinto ezinje? Zaya phi eza zigigaba zezinto ezimangalisayo sasihlala sibaliselwa ngazo ngoobawo, kusithiwa uNdikhoyo wayezenza – ezo wazenzayo nasekubakhululeni kwakhe eJiputa? Kungokunje uNdikhoyo usilahlile; usinikele ezandleni zamaMidiyan.”

14. UNdikhoyo ke wabheka kuye, wathi: “Hamba ngala mandla unawo, uwasindise amaSirayeli ezandleni zamaMidiyan. Kaloku ndim okugunyazisayo.”

15. UGidiyon wathi: “Camagu, Nkosi yam, ndingawahlangula njani na amaSirayeli? Umzi wakowethu ungento nje kwaManase, nam ndingongazelwe nto kowethu nje?”

16. UNdikhoyo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. AmaMidiyan uya kuwatshayela, abe ngathi kuwe angumntu omnye.”

17. UGidiyon waphendula wathi: “Ukuba ungakum, nceda undenzele umqondiso wokuba nguwe Ndikhoyo lo uthetha nam.

18. Nceda, sukumka de ndibuye nomnikelo, ndiwubeke phambi kwakho.”Saphendula sathi: “Hayi ke, ndiza kuhlala apha ude ubuye.”

Iinkokheli 6