1. Ngelo thuba ke uSirayeli wayengenakumkani. Ke yona indlu kaDan yayisazifunela umhlaba owawuza kuba lilifa layo, kuba ukuza kuthi ga ngoku yayingekafumani mhlaba ungowayo njengezinye izindlu zikaSirayeli.
2. Ngoko ke amaDan akhetha amagorha amahlanu awaziwayo, amela isizwe sawo siphela. Awakhupha eZora nase-Eshtawoli, awayala athi: “Hlolani ilizwe elo.”Athi akufika kweleentaba lakwaEfrayim, alalisa kwaMika.
3. Athe elapho akunakana ukubetha kolwimi lomfana womLevi, aza aya kuye, abuza athi: “Uzokwenza ntoni apha? Uze nabani?”
4. Uphendule wathi: “Hayi, ndilapha nje ndinezigqibo noMika; undiqeshe ukuba ndibe ngumbingeleli wakhe.”
5. La madoda ke amcela athi: “Khawusibuzele kuThixo, uqonde ukuba luza kuba nempumelelo na uhambo lwethu.”
6. Umbingeleli lowo ke waphendula wathi: “Ze ningaxhali; uhambo lwenu lusezandleni *zikaNdikhoyo.”
7. La madoda aphuma apho, afika eLayishe. Ke afumanisa ukuba abantu bakhona babengoyiki nto, koko babehleli ngokonwaba njengamaSidon. Yayiluhlanga oluzolileyo olungenanxa namntu, futhi lungaswele nto. Babemi kude namaSidon, futhi kungekho sizwe simbi banomnqophiso naso.
8. La madoda ke athi akubuyela ekhaya eZora nase-Eshtawoli abuzwa ngamawawo kwathiwa: “Ibinjani na ihambo?”
9. Ke wona aphendula athi: “Yizani, mawethu, masiye kuyihlasela iLayishe. Siwubonile laa mhlaba; mhle kakhulu. Ngoko ke sanukuba salibazisa; masithathe khona siye, siwohluthe laa mhlaba!
10. Nakufika khona niya kufumanisa ukuba abantu bakhona bazihlalele nje, abanaxhala lanto. Ewe, ilizwe elo lithe gabalala; mayela neentswelo zomntu kukwanto zilungile, ibe ke uThixo ulinikele kuni.”
11. Apho ke eZora nase-Eshtawoli amaDan akhupha umkhosi wamadoda angamakhulu amathandathu.
12. Enyuka aya kumisa entshona yeKiriyati-yarim kwelakwaJuda. Ngenxa yeso sizathu ke loo ndawo isabizwa ngokuba yiMarhane-dan unangoku.