Iinkokheli 17:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kwangelo thuba kwakukho umfana womLevi owayehlala eBhetelehem engumngeneleli kwelakwaJuda.

8. Waphuma ke eBhetelehem, efuna indawo anokuxhwarha kuyo. Esabhadula njalo waya kugaleleka kwaMika kweleentaba lakwaEfrayim.

9. UMika wambuza wathi: “Uvela phi?”Ke yena waphendula wathi: “NdingumLevi waseBhetelehem kwelakwaJuda. Ndifuna indawo endingaxhwarha kuyo.”

10. UMika wathetha naye ke, wathi: “Sowuhlala apha kum, ube ngumfundisi nombingeleli wam; ndiya kukuhlawula ngeshumi leesiliva ngonyaka, ndawonye nempahla yokunxiba nokutya.”

11. UmLevi lowo ke wavumelana noMika, waza wahlala naye, waba njengonyana wakhe.

Iinkokheli 17