4. Ke uJefta wawaqokelela amaGiliyadi, walwa nawo amaEfrayim, wawoyisa. (AmaEfrayim ke athi: “Nina maGiliyadi niziimbacu eziphuma kwaEfrayim nakwaManase.”)
5. Ke kaloku amaGiliyadi avingca amazibuko eJordan, khon' ukuze amaEfrayim angaweli asabe. Kuthe ke, yakufika imbacu yakwaEfrayim, isithi kumaGiliyadi: “Khanindivumele ndiwele,” ayibuze athi: “Akunguye kodwa umEfrayim?” Ukuba iphendule yathi: “Hayi,”
6. amaGiliyadi ayesithi kuye: “Khawuthi: ‘Shibholethi.’ ” Ukuba ungumEfrayim ebesuka angakwazi ukulibiza eli gama, koko athi: “Sibholethi.” Ayesuka amtsibele umntu lowo, ambulale apho ezibukweni leJordan. Ngelo thuba ke kwabulawa amaEfrayim angamashumi amane anambini amawaka.
7. Yaba yiminyaka emithandathu uJefta eyinkokheli kwaSirayeli, waza ke wasweleka, wafihlwa ekhayeni lakhe eGiliyadi.
8. Emva koJefta uIbzan waseBhetelehem waba yinkokheli kwaSirayeli.
9. Wayenoonyana abangamashumi amathathu neentombi ezikwangako. Iintombi zakhe wazendisela kwezinye izizwe; waza ngokunjalo noonyana bakhe wabathathela iintombi kwezinye izizwe. Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka esixhenxe uIbzan,
10. waza ke wasweleka wangcwatywa eBhetelehem.
11. Emva koIbzan uElon wakwaZebhulon waba yinkokheli kwaSirayeli iminyaka elishumi.
12. Uthe ke akubhubha wangcwatywa eAyalon kwaZebhulon.