Iinkokheli 1:2-12 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke yena waphendula wathi: “Mayibe nguJuda; ndiwunikele esandleni sakhe loo mhlaba.”

3. Ke indlu kaJuda yathi kumawabo amaSimon: “Sincediseni xa silwa namaKanana ukuzuza isabelo sethu somhlaba, khon' ukuze nathi sinincedise xa nilwela esenu isabelo.” Ngoko ke ahamba nendlu kaJuda amaSimon.

4. Bahlasela ke abendlu kaJuda, uNdikhoyo wawanikela ezandleni zabo amaKanana namaPerezi, baza babulala ishumi lamawaka eBhezeki.

5. Apho ke bafumana uAdoni-bhezeki, balwa naye, bawaswantsulisa amaKanana namaPerezi.

6. Ke yena uAdoni-bhezeki wabaleka, baza bona bamsukela, bambamba, bamnqumla oobhontsi bezandla nabeenyawo.

7. UAdoni-bhezeki wathi: “Amashumi asixhenxe ookumkani ababhontsi babo bezandla neenyawo bashunqulweyo babefudula bechola-chola iimvuthuluka apho ndityela khona. Kodwa ke ngoku uThixo undiphindezele ngaloo nto ndandibenza yona.” Wathathwa ke, wasiwa eJerusalem, apho wafela khona.

8. Abendlu kaJuda ke bayihlasela bayithimba iJerusalem. Abemi bayo babatshabalalisa, sona isixeko basifak' umlilo.

9. Emva koko ke balwa namaKanana akweleentaba, namazantsi azo, ngokunjalo nakwintlango esezantsi.

10. Bahlasela namaKanana awayemi eHebron eyayibizwa ngokuba yiKiriyati-arbha mandulo. Bayoyisa ke imizi yamaSheshayi, ama-Ahiman, namaTalmayi.

11. Abendlu kaJuda baya kuhlasela abantu abahlala eDebhiri, ekwakusithiwa yiKiriyati-sefere mandulo.

12. UKalebhi wathi: “Intombi yam uAkesa ndoyendisela kumntu oya kuze ayihlasele ayithimbe iKiriyati-sefere.”

Iinkokheli 1