1. *UNdikhoyo wabiza uMosis, wathetha naye *esesibingelelweni, wathi
2. makathethe namaSirayeli athi: “Xa umntu esenza umnikelo kuNdikhoyo makawenze ngento efuyiweyo, nokuba yinkomo, nokuba yimpahla emfutshane.
3. Xa anikela ngenkomo, esenza idini elitshiswayo, mayibe yinkunzi engenaso nasinye isiphako. Makayise esangweni lesibingelelo, khon' ukuze uNdikhoyo amamkele.
4. Loo mntu ke uya kubeka isandla sakhe entloko kuloo nkomo, yaye ke iya kwamkeleka ibe lidini lokumcamagushela.
5. Loo nkunzi iya kuxhelelwa apho phambi kukaNdikhoyo, baze ababingeleli bomlibo ka-Aron balisondeze kuNdikhoyo igazi layo, babuye batshize ngalo amacala onke eqonga lamadini elisekungeneni kwesibingelelo.
6. Loo mntu uya kubuya ayihlinze inkomo leyo, ayihlahle,