8. Ngalo lonke eli xesha uJosefu wayebazi abantakwabo, kodwa bona babengamazi.
9. Wakhumbula nalaa maphupha wayewaphupha ngabo, wathi kubo: “Nina niziimpimpi! Nizele nje ukuza kuhlola iindawo ezibuthathaka kwilizwe lethu.”
10. Bathe bona: “Hayi, nkosi, thina sizizicaka zakho nje ezize kuthenga ukutya.
11. Singoonyana bomntu omnye sonke. Asizizo konke iimpimpi, mhlekazi. Singamadoda anyanisekileyo.”
12. Uthe uJosefu: “Hayi bo, andivumi! Ndithi kuni nina nize kuhlola eli lizwe lethu.”
13. Bathe bona: “Mhlekazi, thina kutata singamadoda alishumi linambini. Simi kwilizwe laseKanana. Omnye umntakwethu akasekho; untondo yena usele nexhego ekhaya.”
14. “Benditshilo, niziimpimpi nina!” utshilo uJosefu.
15. “Niyabona ke, ndiza kunivavanya ngolu hlobo: ndifung' ukumkani, anisayi kube nimke apha kude kuze loo mninawa wenu.
16. Omnye wenu uza kuya kumphuthuma. Bonke abanye aba baza kuvalelwa elugcinweni, kude kuvele inyaniso yale nto niyithethayo. Ndifung' ukumkani, mna ndithi niziimpimpi nina.”