Eyeziqalo 35:9-24 Ibhayibhile (XHO96)

9. UThixo wabuya wavela kuYakobi ukubuya kwakhe ePadan-aram, wabuya wamthamsanqelisa.

10. Wenjenje ukuthetha uThixo: “Kuthiwa igama lakho unguYakobi, kodwa ukususela ngoku kuya kuthiwa unguSirayeli.” Kwaba ke njalo uThixo umthiya igama elinguSirayeli.

11. Wabuya wathi uThixo: “Mna ndinguThixo uSomandla. Ndithi chuma wande. Uya kuba nguyise wesizwe – nditsho izizwe ngezizwe – ube ngukhokho weekumkani.

12. Umhlaba endawunika uAbraham noIsake ndiwunika wena kunye nabazukulwana bakho emva kwakho.”

13. UThixo wamshiya ke apho akugqiba ukuthetha naye.

14. Apho kanye kuloo ndawo uThixo wayethetha kuyo noYakobi, wemisa ilitye uYakobi, walinikela kuThixo ngokuligalela iwayini namafutha.

15. Loo ndawo wathi yiBhetele.

16. Wafuduka uYakobi nentsapho yakhe eBhetele. Kwathi xa babekude kufuphi ne-Efrata, kwabonakala ukuba lifikile ixesha lokuba uRakeli abeleke. Kwaba nzima kakhulu.

17. Kwathi egcuma ziintlungu, wavakala esithi umbelekisi wakhe: “Uzungoyiki, Rakeli, uzele enye inkwenkwe.”

18. Ngelo xesha ke uRakeli wayeseleqhawuka. Uthe kanye xa uphumayo umphefumlo wathi igama laloo mntwana nguBhenoni. Uyise yena wathi nguBhenjamin.

19. Waza ke uRakeli wafa, wangcwatywa ecaleni kwendlela eya e-Efrata, ekuthiwa yiBhetelehem.

20. Wemisa ilitye lesikhumbuzo apho uYakobi. Liselapho; nangoku lisaqondisa ingcwaba likaRakeli.

21. Wahambela mganyana uYakobi, wafika wemisa malunga neMigdali-edere.

22. Ngethuba wayesekuloo mmandla uSirayeli, uRubhen walala noBhiliya, elinye lamaqadi abafazi bakayise uSirayeli. Wayiva loo nto uSirayeli.UYakobi wayenoonyana abalishumi elinambini.

23. Oonyana abazalwa nguLeya yayinguRubhen, izibulo likaYakobi, noSimon, noLevi, noJuda; uIsakare noZebhulon.

24. Oonyana abazalwa nguRakeli yayinguJosefu noBhenjamin.

Eyeziqalo 35