12. Wathi kuRakeli: “Ndiyazalana noyihlo; ndizalwa nguRabheka kaloku.”Wabaleka waya kuxelela uyise uRakeli;
13. wathi noyise akuziva ezi ndaba zingomtshana wakhe uYakobi, waya kumhlangabeza wamgona, wamanga, wamngenisa endlwini. Uthe uLabhan akubaliselwa nguYakobi izinto ezenzekileyo,
14. wayingqina into yokuba bayazalana. Wahlala apho inyanga yonke uYakobi.
15. Wathi uLabhan kuYakobi: “Akunako ukusebenza nje simahla apha kum ngenxa yokuba sizalana. Ufuna ndikunike malini?”
16. ULabhan wayeneentombi ezimbini, inguLeya igama lenkulu, encinci inguRakeli.
17. ULeya wayetsho ngamehlo angathi anengcume; uRakeli yena eyinzwakazi kanobomi.
18. UYakobi wayencwase uRakeli, waza wathi kuLabhan: “Ndokusebenzela iminyaka esixhenxe ukuba unokundivumela ndizeke intombi yakho encinci uRakeli.”
19. ULabhan uthe: “Ndikhetha ukumendisela kuwe kunokuba aye kwendela komnye umntu.” Watsho esithi makaselehlala apho kwakhe uYakobi.
20. UYakobi waphangela isixhenxe sonke seminyaka, esebenzela ukufumana uRakeli. Lonke elo xesha laba ngathi ziintsuku nje ezimbalwa kuye, kuba wayemthanda uRakeli.
21. “Lifikile ixesha; ndikhululele umkam,” watsho uYakobi kuLabhan.
22. ULabhan wenza isidlo somtshato, wamema bonke abantu balapho.
23. Ngobo busuku uLabhan wasa uLeya kuYakobi endaweni kaRakeli, uYakobi walala naye.
24. ULabhan wakhupha uZilipha isicakakazi, wayimpelesi kaLeya.