Eyeziqalo 22:11-24 Ibhayibhile (XHO96)

11. Suka kwavakala isithunywa *sikaNdikhoyo simemeza sisezulwini sisithi: “Abraham! Abraham!”Yena ke uthe: “Ndim lo!”Sathi isithunywa kuye:

12. “Uze ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayithi cha nakancinci! Ngoku ndiyazi ukuba uThixo uyamoyika; kaloku akwalanga nonyana wakho oyintandane ekuphela kwakhe.”

13. UAbraham wabheka-bheka, wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Waya kuyirhola, wenza ngayo idini endaweni yonyana wakhe.

14. UAbraham wathi loo ndawo yiYawe-yire. Unangoku kusathiwa xa kuthethwayo: “UNdikhoyo uyabonelela endulini yakhe.”

15. Siphindile savakala sithetha ezulwini isithunywa, sisithi kuAbraham:

16. “Uthi uNdikhoyo: ‘Mna ngokwam ndiyafunga; ndithi ngenxa yale nto uyenzileyo, akwala ukuncama intandane ekuphela kwayo,

17. ndiza kukuthamsanqelisa kanobom, ndikuphe inzala eninzi, ibe ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni nentlabathi eselunxwemeni lolwandle ubuninzi bayo. Abazukulwana bakho boyithimba imihlaba yeentshaba zabo.

18. Zonke izizwe emhlabeni zothamsanqeliswa ngenzala yakho. Iyonke loo nto kungenxa yokundithobela kwakho.’ ”

19. UAbraham wabuyela kwizicaka zakhe, bonke baphindela eBheshebha apho waba ngummi khona.

20. Emva kwexesha uAbraham weva ukuba uMilika uzalele uNahore umninawa wakhe abantwana abasibhozo.

21. Yayingu-Uzi izibulo, yaba nguBhuzi, kweza uKamweli uyise ka-Aram.

22. Kulandele uRhesedi, noHazo, noPildashe, noJidelafu, kunye noBhetuweli.

23. UBhetuweli wazala intombi uRabheka. Aba bantwana basibhozo bazalwa nguMilika umka-Nahore umninawa ka-Abraham.

24. Iqadi likaNahore, uRewuma, lazala uTebha, noGaham, noTahashe, kunye noMahaka.

Eyeziqalo 22