Eyeziqalo 22:11-20 Ibhayibhile (XHO96)

11. Suka kwavakala isithunywa *sikaNdikhoyo simemeza sisezulwini sisithi: “Abraham! Abraham!”Yena ke uthe: “Ndim lo!”Sathi isithunywa kuye:

12. “Uze ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayithi cha nakancinci! Ngoku ndiyazi ukuba uThixo uyamoyika; kaloku akwalanga nonyana wakho oyintandane ekuphela kwakhe.”

13. UAbraham wabheka-bheka, wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Waya kuyirhola, wenza ngayo idini endaweni yonyana wakhe.

14. UAbraham wathi loo ndawo yiYawe-yire. Unangoku kusathiwa xa kuthethwayo: “UNdikhoyo uyabonelela endulini yakhe.”

15. Siphindile savakala sithetha ezulwini isithunywa, sisithi kuAbraham:

16. “Uthi uNdikhoyo: ‘Mna ngokwam ndiyafunga; ndithi ngenxa yale nto uyenzileyo, akwala ukuncama intandane ekuphela kwayo,

17. ndiza kukuthamsanqelisa kanobom, ndikuphe inzala eninzi, ibe ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni nentlabathi eselunxwemeni lolwandle ubuninzi bayo. Abazukulwana bakho boyithimba imihlaba yeentshaba zabo.

18. Zonke izizwe emhlabeni zothamsanqeliswa ngenzala yakho. Iyonke loo nto kungenxa yokundithobela kwakho.’ ”

19. UAbraham wabuyela kwizicaka zakhe, bonke baphindela eBheshebha apho waba ngummi khona.

20. Emva kwexesha uAbraham weva ukuba uMilika uzalele uNahore umninawa wakhe abantwana abasibhozo.

Eyeziqalo 22