Eyeziqalo 18:5-24 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ndiza kuniphathela nento etyiwayo, ukuze nifumane amandla endleleni. Nakuthi ke nandule ukuhamba loo ndlela yenu inidlulise ekhaya apha.”Athe ke wona amadoda: “Ngxatsho ke, ungénjenjalo.”

6. UAbraham wakhawuleza ukungena ententeni, wafika wathi kuSara: “Khawuthathe izitya ezithathu zomgubo wengqolowa, uxove wenze amaqebengwana, ukhawulezise.”

7. Watsho ekhawulezile uAbraham ukuya ezinkomeni, wafika wakhetha elona lityebileyo ithole, wathi malixhelwe ngokukhawuleza.

8. Wathatha amasi anengqaka nenyama leyo, wabeka phambi kwaloo madoda, azenzela apho phantsi kwaloo mthi, emi apho yena ngakuwo.

9. Ambuza athi: “Uphi na umkakho uSara?”Wathi: “Usendlwini.”

10. Lwathi olunye undwendwe: “Malunga neli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye. USara umkakho woba enomntwana oyinkwenkwe.”USara wabavela emi emva kwabo ngasemnyango.

11. Bobabini, uAbraham noSara, babesebaluphele kakhulu, uSara selegqithile kwixabiso lokuzala.

12. Wahleka yedwa ke uSara, wathi: “Sendigqithile kwixabiso lokuzala, kanti nomyeni wam selaluphele.”

13. Uthe uNdikhoyo kuAbraham: “Uhleka ntoni uSara, ade athi: ‘Ndingamfumana njani umntwana sendaluphele nje?’

14. Niba kukho into enokuxaka uNdikhoyo? Bendithe ngeli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye; uSara woba enomntwana oyinkwenkwe.”

15. USara wakhanyela, kuba wayesoyika, wathi: “Andikhange ndihleke.”Wathi yena: “Hayi, uhlekile.”

16. La madoda anduluka, ayivelela iSodom. UAbraham wayehamba nawo ewakhapha.

17. Uthe *uNdikhoyo: “Mandingayifihli kuAbraham into endifuna ukuyenza.

18. Inzala yakhe yoba sisizwe esikhulu, yaye ndozithamsanqelisa ngaye zonke izizwe.

19. Ndimtyumbele ukuze aqeqeshele abantwana bakhe kunye nabazukulwana bakhe ekundithobeleni nasebulungiseni. Xa besenjenjalo ndozizalisekisa izithembiso zam kuAbraham.”

20. Uqhube wathi kuAbraham uNdikhoyo: “Iyakhalazelwa iSodom neGomora ngenxa yobubi besono sayo.

21. Ngako oko ndiza kukhe ndihle ndiye kuzibonela ukuba kunjalo na. Ndobona ngoko ukuba akunjalo.”

22. Emka ke loo madoda, abheka ngaseSodom. Wasala noNdikhoyo yena uAbraham.

23. Uthe uAbraham kuNdikhoyo: “Ngaba ngenene, *Mhlekazi, uza kutshabalalisa amalungisa ndawonye nezibhoja?

24. Ukuba kukho amashumi amahlanu amalungisa, ngaba ungasibhangisa eso sixeko? Akungesisindisi ngenxa yamashumi amahlanu lawo?

Eyeziqalo 18