Eyeziqalo 18:21-32 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ngako oko ndiza kukhe ndihle ndiye kuzibonela ukuba kunjalo na. Ndobona ngoko ukuba akunjalo.”

22. Emka ke loo madoda, abheka ngaseSodom. Wasala noNdikhoyo yena uAbraham.

23. Uthe uAbraham kuNdikhoyo: “Ngaba ngenene, *Mhlekazi, uza kutshabalalisa amalungisa ndawonye nezibhoja?

24. Ukuba kukho amashumi amahlanu amalungisa, ngaba ungasibhangisa eso sixeko? Akungesisindisi ngenxa yamashumi amahlanu lawo?

25. Hayi kaloku, akunakuyenza into enjalo ukutshabalalisa abangenatyala ndawonye nabagwenxa, ube njalo wohlwaya amalungisa ngesohlwayo esinye naboni. Ngunongekhe lowo. UMgwebi welizwe liphela akamele kugweba ngobulungisa na?”

26. Uthe uNdikhoyo: “Ukuba kungakho amashumi amahlanu abantu abamsulwa eSodom, ndingasisindisa eso sixeko sonke ngenxa yabo.”

27. Uthe kwakhona uAbraham: “Ndinyamezele, Mhlekazi, ndiyintw' engento, andifanele nakuthetha oku nawe.

28. Ukuba ngaba kukho amashumi amane anantlanu endaweni yamashumi amahlanu, ungátshabalalisa isixeko sonke ngenxa yokuba bengaphantsi nje ngesihlanu abantu abamsulwa?”Uthe uNdikhoyo: “Nokuba ngamashumi mane anantlanu abantu abamsulwa, ndosisindisa isixeko.”

29. Ubuye wathi uAbraham: “Ukuba ngamashumi mane nje kuphela?”Uthe uNdikhoyo: “Sosinda nokuba kunjalo.”

30. Wathi ke uAbraham: “Mhlekazi, ungakhathazeki, ndisafuna ukuqonda. Kuya kuthini ke xa bengamashumi amathathu?”“Nokuba ngamashumi amathathu, sosinda,” utshilo uNdikhoyo.

31. “Ndinyamezele, Mhlekazi,” utshilo uAbraham. “Ukuba bangamashumi mabini kuphela, kothini?”“Nokuba bangamashumi mabini, ndosisindisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.

32. Wathi uAbraham: “Mhlekazi, selundinyamezela oku kokugqibela! Kuya kuthini ukuba lishumi linye kuphela abantu abamsulwa abalapho?”“Nokuba lishumi nje qha, andiyi kusitshabalalisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.

Eyeziqalo 18