Eyemfuduko 5:10-23 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ngoko ke iinduna namagosa zabaxelela abasebenzi zathi: “Ukumkani uthi anisazukuyinikwa ingca yokwenza izitena,

11. koko noyichola-chola ngokwenu naphi na apho ninokuyizuza khona; kambe ke lona inani lezitena akufuneki lihle nakancinci.”

12. Abasebenzi ke bathi saa kulo lonke elaseJiputa, berhugula ingca.

13. Ke zona iinduna zazingabaphi thuba, zisithi: “Wugqibeni umsebenzi wosuku ngalunye ngokwesiqhelo, njengangokuya beniyinikwa ingca.”

14. Amagosa angamaSirayeli awayemiselwe ziinduna ezingamaJiputa ayekatswa zizo, kusithiwa: “Kutheni izitena zingafikeleli nje kwinani lesiqhelo?”

15. Kwesi sithuba ke amagosa lawo aya kukhalaza kukumkani, athi: “Mhlekazi, ngani ukuba uziphathe ngolu hlobo izicaka zakho?

16. Awusasiniki ingca yokwenza izitena, kodwa siyaqhutywa, kusithiwa masenze izitena. Ewe, siyabethwa, kanti isizathu sisebantwini bakho.”

17. Ukumkani waphendula wathi: “Niyanqena, mavilandini! Yiyo le nto nibhomboloza ngokuya kubingelela kuNdikhoyo.

18. Hambani nimk' apha! Emsebenzini! Anizukunikwa nangca apha, ibe ke zona izitena enimiselwe ukuba nizenze soze ziwe phantsi.”

19. Amagosa lawo athe akuva kusithiwa inani lezitena soze lihle, aqonda ukuba lixubayele.

20. Athi ke akudibana noMosis noAron, bevela kwakumkani:

21. “Wanga uNdikhoyo wayibona le nto wanigweba, kuba nisigqwalisile kukumkani neenduna zakhe; ngoku bafumene isizathu sokusibulala.”

22. UMosis ke waya kukhala *kuNdikhoyo, wathi: “Awu, Mhlekazi, ngani ukuba aba bantu ubazisele ishwangusha elinje? Wawundithumela ntoni kakade?

23. Kuba ke oko ndaya kuthetha nokumkani ngenxa yakho, wabaphatha gadalala, ibe ke nawe awubahlanguli konke.”

Eyemfuduko 5