Eyasentlango 5:6-19 Ibhayibhile (XHO96)

6. le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nabani na, indoda okanye ibhinqa, obonakalisa ukunganyaniseki kuNdikhoyo ngokona omnye,

7. makayivume loo nto imbi ayenzileyo, akhuphe intlawulo ngokuzeleyo. Ngaphezu koko ke uya kukhupha nesiqingatha sesihlanu, naso asinike umntu lowo amonileyo.

8. Kambe ke ukuba umntu lowo akasekho, ibe ke kungekho nesalamane ekungahlawulwa kuso, kofuneka inikezelwe kuNdikhoyo, ibe yeyombingeleli. Le ntlawulo ke yongeza kulaa nkunzi yegusha kwenziwa ngayo idini lokucamagushela loo mntu unetyala.

9. Wonke umnikelo owodwa okhutshwa ngamaSirayeli, ewunikela kuNdikhoyo, unenxaxheba eyeyababingeleli.

10. Umnikelo wona ngowalowo unikelayo, kambe inxaxheba yeyababingeleli.”

11. *UNdikhoyo wathetha noMosis,

15. Nokuba kuyiyiphi na imeko, indoda leyo iya kumthatha umfazi lowo, iye naye kumbingeleli. Kananjalo iya kuphatha ikhilogram enye yomgubo werhasi oyimfanelo yedini; kambe ke ayiyi kuwugalela mafutha nasiqhumiso, kuba ulidini elikhutshwa yindoda enobukhwele, umnikelo wokuphanda inyaniso.

16. “Umbingeleli ke uya kumthatha umfazi lowo, ammise *esibingelelweni phambi koNdikhoyo.

17. Uya kuthatha amanzi awodwa, awagalele engqayini, aze akhe umhlaba apho phantsi esibingelelweni, awugalele kuloo manzi, ukuze akrakre.

18. Uya kusuka ke azikhulule iinwele zomfazi lowo, amnike loo mgubo womnikelo, awuphathe ngesandla. Ke yena umbingeleli uya kuphatha laa ngqayi inamanzi akrakrayo azisa ishwangusha kumntu onetyala.

19. Umbingeleli ke uya kumfungisa umfazi lowo esithi: ‘Ukuba kuthe kanti awukhange ube nanto yakwenza nandoda yimbi, uza kuba msulwa kwishwangusha eliziswa ngala manzi.

Eyasentlango 5