Nokuba kuyiyiphi na imeko, indoda leyo iya kumthatha umfazi lowo, iye naye kumbingeleli. Kananjalo iya kuphatha ikhilogram enye yomgubo werhasi oyimfanelo yedini; kambe ke ayiyi kuwugalela mafutha nasiqhumiso, kuba ulidini elikhutshwa yindoda enobukhwele, umnikelo wokuphanda inyaniso.