1. Ke kaloku amaRubhen namaGadi ayenemihlambi emikhulu yeenkomo. Athe ke akuwuqonda umhlaba waseJazere naseGiliyadi ukuba uyifanele imfuyo,
2. aya kuMosis nombingeleli uElazare kunye nezinye iinkokheli, acela athi:
5. Ngoko ke kunganjani xa lo mhlaba unikwa thina, ube sisabelo sethu, sime apha kuwo, singabi sayiwela iJordan? Siyakubongoza.”
6. UMosis waphendula wathi: “Ngaba ke nina nifuna ukuhlala apha nisonge izandla xa wona amawenu esiya emfazweni?
7. Ningathini kaloku ukusuka niwatyhafise ngolo hlobo amaSirayeli, xa wona ewela iJordan, esiya kuthatha umhlaba awuphiwe nguNdikhoyo?
8. Ooyihlo benza kwale nto ngokuya ndandibathuma siseKadeshe-bhaneya ukuba beze kuhlola lo mhlaba.
9. Bahamba baya kuma ngentili ye-Eshkoli, bawubona lo mhlaba, kodwa bathi bakubuya bawatyhafisa amaSirayeli, khon' ukuze angezi kweli lizwe aliphiweyo nguNdikhoyo.
10. Ke yena uNdikhoyo wakhathazeka, waza wafunga wathi:
11. ‘Ngenxa yokuba bengakholosanga ngam, kula madoda akwiminyaka emashumi mabini nangaphezulu aphuma eJiputa akukho nanye iya kungena kwelo lizwe ndabathembisa ngalo ooAbraham, uIsake, noYakobi.’
12. “Esi sifungo ke sabandakanya bonke ngaphandle kukaKalebhi unyana kaJefune umKeni, noYoshuwa unyana kaNune. Kaloku bona bakholosa ngoNdikhoyo.
13. UNdikhoyo ke wakhathazeka, waza amaSirayeli wawabhadulisa entlango isithuba seminyaka engamashumi amane, sada safa saphela eso sizukulwana sasimonile.
14. Nina ke eningene ezihlangwini zooyihlo, nisisizukulwana esitsha esigwenxa esizimisele ukuhlisela umsindo kaNdikhoyo phezu kwamaSirayeli kwakhona.
15. Nani ke, maRubhen namaGadi, ukuba niyala ukunamathela kuye ngoku, uya kuphinda awalahle entlango amaSirayeli, ize ke intshabalalo yawo ibe yimhemhe yenu.”
16. Ke wona asuka aya kuMosis, ambongoza athi: “Sivumele sakhele iigusha zethu iintlanti, futhi sakhele iintsapho zethu iidolophu.