Eyasentlango 21:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ukumkani waseAradi, umKanana, owayemi emazantsi eKanana, wathi akuva ukuba amaSirayeli ayeza ngendlela esinga eAtarim, wawahlasela, wada wawathimba amanye.

2. AmaSirayeli ke asuka enza isifungo *kuNdikhoyo, athi: “Ukuba usiphile amandla, saboyisa abo bantu, inene siya kubatshabalalisa ngokupheleleyo ndawonye nezixeko zabo.”

3. Ngenene ke uNdikhoyo waweva amaSirayeli, waza wawanceda awoyisa awatshabalalisa tu amaKanana ndawonye nezixeko zawo. Loo ndawo ke ayithiya igama eliyiHoma.

4. Ukumka kwawo kwintaba iHore amaSirayeli ahamba ngendlela esinga kuLwandle oluBomvu, khon' ukuze bawucezele umhlaba wamaEdom. Endleleni ke apho amaSirayeli akruquka,

5. aza amkhalazela uThixo ndawonye noMosis, athi: “Kwakutheni kakade ukuze usikhuphe eJiputa, sizokufela kule ntlango? Akukho kutya namanzi apha! Okokwayo ke yona le nkatshu-nkatshu isikruqule!”

6. Ke *uNdikhoyo wawathumela isibetho seenyoka ezinobuhlungu, zawaluma amaSirayeli, kwafa amaninzi.

7. AmaSirayeli ke athi akuqonda ukuba enze imposiso, aya kuMosis, avuma athi: “Sonile ngokukrokrela uNdikhoyo ndawonye nawe. Khawusitarhuzisele, uNdikhoyo azisuse ezi nyoka.” Ngoko ke uMosis wawathandazela amaSirayeli.

8. UNdikhoyo ke wathi kuMosis: “Yenza umfanekiso wenyoka, uwuxhome esibondeni, khon' ukuze athi nabani na olunywe yinyoka akhangele kuyo, aphile.”

9. Ngenene ke uMosis wayenza inyoka ngobhedu, wayixhoma esibondeni. Nabani na ke olunywe yinyoka wayekhangela apho kuloo nyoka yobhedu, atsho aphile.

10. AmaSirayeli ke anduluka, aya kumisa eObhoti.

11. Nalapha ke anduluka, aya kutsho kwi-Iye-abharim kwintlango esempuma yomhlaba wamaMowabhi.

12. Ukusuka apho ke aya kumisa kwintili yaseZerede.

13. Ukuphuma apha ke aya kumisa kwicala elingentla komlambo iAnoni, kwintlango ehamba iyokuthi xhaxhe kumhlaba wama-Amori. Ke iAnoni le yayingumda owahlula amaMowabhi kuma-Amori.

14. Yiyo loo nto ke iNcwadi yamaDabi *kaNdikhoyo ithetha ngezi ndawo nje:“Idolophu iWahebhi kwingxingwa kaSufa;umlambo iAnoni,

15. namathambeka eentilieziyokuthi xhaxhe ngedolophu iAra,ukuya kuqhina kumda wamaMowabhi.”

16. Ukuphuma apho ke aya kufika kwindawo ekuthiwa kuseBhere. Lelaa qula ke eli apho uNdikhoyo wathi uMosis makawaqokelele amaSirayeli, azokuwapha amanzi.

17. Ngelo thuba ke amaSirayeli amemelela enjenje:“Khawutsabis' amanzi, qulandini!Ke thina sowamkela ngengoma.

Eyasentlango 21