Eyasentlango 18:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi kuAron: “Wena noonyana bakho ndawonye nabaLevi nithwala uxanduva ngaso nasiphi na isigqitho esinxulumene nokubusa esibingelelweni; kodwa nguwe kuphela noonyana bakho abaya kuthwala uxanduva ngesigqitho esinxulumene nobubingeleli.

2. Phuthuma abo uzalana nabo bendlu kaLevi, usebenze nabo bakuncedise xeshikweni wena noonyana bakho nibusayo esibingelelweni.

3. AbaLevi baya kujongwa nguwe ngokwemisebenzi yabo esibingelelweni, kodwa mabangasondeli nokusondela kwimpahla yegumbi eliyingcwele okanye eqongeni lamadini, kungenjalo baya kufa kunye nani.

4. Umsebenzi wabo baya kuwufezekisa ngokuncedisana nani esibingelelweni, ke yena umntu ongomnye ongenalungelo angaze asebenze nanini esibingelelweni.

5. “Nini emanithwale uxanduva lokulungiselela egumbini eliyingcwele nakwiqonga lamadini, khon' ukuze uNdikhoyo angaphindi awavelele ngomsindo amaSirayeli.

6. Ndim ngokwam ozinyulele abanakwenu abaLevi kumaSirayeli. Basisipho kuni babingeleli, khon' ukuze benze imisebenzi esibingelelweni.

7. Nguwe noonyana bakho kuphela abanoxanduva lokulungiselela mayela neqonga lamadini ndawonye negumbi eliyingcwele kangcwele. Lo msebenzi wenu wobubingeleli sisipho enisinikwa ndim. Nabani na othe wasondela kwizinto ezingcwele engenalungelo wobulawa.”

12-13. “Ndikunika lonke ulibo lwezilimo oluziswa ngamaSirayeli kuNdikhoyo: amafutha omnquma, iwayini, nengqolowa. Zonke ke zoba zezakho, zityiwe ngabo bonke abangenamlaza kwintsapho yakho.

Eyasentlango 18