Eyasentlango 16:27-37 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ngoko ke amaSirayeli azikhwebula kwimizi yooKora noDatan noAbhiram.Ke kaloku uDatan noAbhiram babephumile, bema kwiminyango yezindlu zabo, ndawonye nabafazi nabantwana kwaneentsana.

28. Ke uMosis wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Ngoku kuza kucaca kuni, kuba ngenene ezi zinto andizenzeli ngokuthanda kwam, koko nguNdikhoyo ondithuma ukuba ndizenze.

29. Ukuba la madoda abulewe zizifo nje eziqhelekileyo, ze nazi ukuba akandithumanga uNdikhoyo.

30. Kambe ke ukuba uNdikhoyo wenze into engazange ihle nanini na, kwavuleka umhlaba, waginya la madoda nako konke okwawo, ngohlobo lokuba ehle aye kwelabafileyo ehleli, ze niqonde kakuhle ke ukuba aba bantu bamdelile uNdikhoyo.”

31. Wathi ke egqiba nje ukuthetha, suka waqhekeka umhlaba!

32. Bimbilili wabaginya ooDatan noAbhiram ndawonye nemizi yabo, ngokunjalo nabalandeli bakaKora nako konke ababenako.

33. Ngoko ke bangcwatywa behleli, baya kwelabafileyo ndawonye nako konke okwabo. Wabuya wavaleka ke umhlaba, banyamalala ke bona.

34. Onke ke amaSirayeli awayelapho acela kooxhongo akusiva isikhalo sabo. Akhwaza athi: “Kunyembelekile! Sabani, hleze nathi usiginye umhlaba!”

35. Kwaza ke kwaphuma umlilo uvela kuNdikhoyo, wawalenya atsha loo makhulu mabini anamashumi amahlanu amadoda awayesondeza isiqhumiso.

36. *UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi:

37. “Yithi kuElazare unyana wombingeleli uAron asuse imicephe yomlilo yobhedu kuthuthu lwalaa madoda atshileyo, aze wona amalahle akuyo awasarhaze, kuba imicephe leyo ingcwele.

Eyasentlango 16