Eyasentlango 11:15-30 Ibhayibhile (XHO96)

15. Endaweni yale ndlela undiphethe ngayo, ndibulale kube kanye, ukuba uyavelana nam, khon' ukuze ndingayiboni le ntlekele iza kundihlela!”

16. Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe aziinkokheli zamaSirayeli, uze nawo apha *esibingelelweni, eme nawe.

17. Ke mna ndiya kufika ndithethe nani khona, ndize nawo ndiwahlulele kuMoya okuwe, khon' ukuze abe nokukunceda kolu xanduva lungaba bantu, ungaluthwali wedwa.

18. Ke bona aba bantu yithi kubo: ‘Hlambulukani, kuba ngomso niya kuyitya inyama. Kaloku uNdikhoyo usivile isililokazi senu, nisithi nikhanuka inyama, akwaba beniseseJiputa. Ngoku ke uNdikhoyo uza kuninika loo nyama, yaye ke niza kuyitya.

19. Ewe, anizukuyitya nje usuku olunye nezimbini, mhlawumbi ezimbalwa;

20. hayi, niya kuyitya inyanga yonke, ide iphume ngeempumlo, nidikwe ide ibe lizothe kuni. Kaloku nimbukule uNdikhoyo ekho, elapha phakathi kwenu; nibhomboloza nisithi: “Akwaba sasingemkanga eJiputa!” ’ ”

21. UMosis waphendula wathi kuNdikhoyo: “Aba bantu ngamakhulu amathandathu amawaka xa ndibala amadoda anokuya emfazweni kuphela, ibe ke wena usithi uza kubanika inyama yenyanga yonke!

22. Khona sebexhelelwe imihlambi yeenkomo neegusha, uthi banganela? Okanye ke uthi banganela xa benikwe zonke iintlanzi eziselwandle?”

23. UNdikhoyo wabuza wathi: “Ucinga ukuba ikho into engaze indoyise? Nawe uza kuzibonela ukuba liwa phantsi na ilizwi lam!”

24. UMosis ke waya kumaSirayeli, wawaxelela oko kuthethwe nguNdikhoyo. Wathatha amashumi asixhenxe amadoda amakhulu, wawamisa angqonga isibingelelo.

25. UNdikhoyo ke wehla ngelifu, wafika wathetha naye. Iinkokheli ezo wazahlulela kuMoya owawukuMosis, zaza zathi ke zakuwufumana zadanduluka okwabashumayeli, nakuba zingaphindanga zenjenjalo.

26. Ezimbini kwezi nkokheli, uEldadi noMedade, zona zahlala ezindlwini zazo, azaya esibingelelweni. Kodwa uMoya wazifikela, zatsho zashumayela nazo.

27. Umfana othile wabaleka waya kuxelela uMosis ukuba uEldadi noMedade bayashumayela.

28. Ke yena uYoshuwa, unyana kaNune, owayelihlakani likaMosis kwasebutsheni bakhe, wabhekisa kuMosis wathi: “Banqande, nkosi yam, bangashumayeli!”

29. Koko ke yena uMosis waphendula wathi: “Ngaba uya ndikhweletela na? Ukuba bekuya ngam, uNdikhoyo nge-ebafaka uMoya wakhe bonke abantu bakhe, batsho babe ngabashumayeli bonke.”

30. Ke kaloku uMosis naloo mashumi asixhenxe eenkokheli bagoduka.

Eyasentlango 11