4. Ukulila kunexesha lako,nokuhleka kunexesha lako.Likho ixesha lokuzila,likwakho nexesha lemihlali.
5. Ukusarhaza amatye kunexesha lako,nokuqokelela amatye kunexesha lako.Likho ixesha lokuwolana,likwakho nexesha lokuyeka ukuwolana.
6. Ukufuna kunexesha lako,nokuncama kunexesha lako.Ukugcina kunexesha lako,nokulahla kunexesha lako.
7. Likho ixesha lokukrazula,likwakho nexesha lokuthunga.Ukuthi cwaka kunexesha lako,kanti nokuthetha kunexesha lako.
8. Uthando lunexesha lalo,nokucaphukela kunexesha lako.Likho ixesha lemfazwe,kanti likwakho nexesha loxolo.
9. Umntu uzuza ntoni ke ngemizabalazo yakhe?
10. Ndilubonile uxanduva alunike uluntu uThixo.
11. Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.
12. Ndifumanise ukuba akukho nto iyenye angayenzayo umntu ngaphandle kokuba ahlale onwabile, enze okulungileyo lo gama esaphila,
13. kwanokuba wonke umntu atye asele aneliseke yimigudu yakhe. Kaloku sisipho esivela kuThixo eso.
14. Ndiyazi ukuba yonke into eyenziwa nguThixo iya kuhlala ihleli; akukho nto inokongezwa kuyo, kungekho nto inokususwa kuyo. UThixo uyakwenza oku ukuze ahlonelwe ngabantu.
15. Into ekhoyo ibiselikho kakade,nento eya kubakho ibikho ngaphambili.UThixo uyakubuyisela obekusele kudlule.