2 Yookumkani 6:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Iqumrhu labashumayeli lathetha noElisha lathi: “Le ndawo sihlala kuyo kunye nawe incinci gqitha, ayisilingani.

2. Masiye eJordan, ibe ngulowo nalowo azigawulele isibonda, ukuze sizakhele indawo yokuhlala khona.”Ke uElisha wavuma, wathi: “Yiyani.”

3. Omnye wabashumayeli wathi: “Awungehambi nazo na izicaka zakho, nkosi yam?”UElisha wathi: “Nam ndiyaya.”

4. Waza wahamba nabo. Baya ke eJordan, baza bagawula imithi khona.

5. Omnye wabo uthe esagawula umthi, suka lapoqa izembe lakhe, le ndawo iyintsimbi yatshona emanzini. Wakhala watsho ebhekisa kuElisha: “Awu, ibingelilo nelam, belibolekiwe!”

6. Wabuza wathi umfo wakwaThixo: “Liwe phi?” Akuba ebonisiwe ke uElisha wagawula ukhuni, waza waluphosa kuloo ndawo lalitshone kuyo izembe. Ke izembe elo latsho lavela ladada.

7. Wathetha wathi: “Likhuphe.” Waza ke umnini walo wasolula isandla, walirhola.

8. Ke kaloku kwakungekho mvano phakathi kokumkani wakwa-Aram nowakwaSirayeli. Wasuka ke wathetha-thethana namaphakathi akhe ukumkani wakwa-Aram, wathi: “Imikhosi yam ndoyimisa endaweni ethile.”

9. Umfo wakwaThixo wathumela isilumkiso kukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Musa ukudlula kwelo cala, kuba ama-Aram ehlela ngakhona.”

10. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wayijonga loo ndawo yayikhonjwa ngumfo wakwaThixo. Kwaba kaninzi uElisha elumkisa ukumkani, waza ke wahlala eyilumkele loo migibe.

11. Le nto ke yamcaphukisa ukumkani wakwa-Aram, waza wabiza amaphakathi akhe, wathi: “Apha phakathi kwethu ngubani ongakumaSirayeli?”

12. Elinye ke laphendula lathi: “Mhlekazi, akukho mntu ungakumaSirayeli apha kuthi; into ekhoyo kukuba uElisha, umshumayeli wakwaSirayeli, wazi namazwi owathethe egumbini lakho lokulala, aze kananjalo awaxelele ukumkani wakwaSirayeli.”

2 Yookumkani 6