2 Yookumkani 5:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. Loo leta wayisayo kukumkani wakwaSirayeli yayisithi: “Le leta ipheleka iphakathi lam uNahaman, endimthumela kuwe, khon' ukuze umnyange kwelo qhenqa lakhe.”

7. Uthe ke asakuyifunda loo leta ukumkani wakwaSirayeli, suka wazikrazula izambatho zakhe esithi: “Ngaba ndinguThixo ngoku? Ndingabulala kakade, okanye ndiphilise? Ngani ke ukuba lo mfo andithumelele umntu ekufuneka anyangwe iqhenqa? Kucacile ukuba lo mfo uzama ukuqhwaya udushe!”

8. Ke uElisha umfo wakwaThixo uthe akuva ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule izambatho zakhe, wathumela kuye esithi: “Ngani ukuba ude ukrazule izambatho zakho? Loo mntu mthumele apha kum; uya kutsho aqonde ukuba ukho umshumayeli kwaSirayeli.”

9. Ngoko ke uNahaman wahamba naloo mahashe, nezo nqwelo zakhe, waya kuma esangweni kwamshumayeli uElisha.

10. UElisha wamthumelela isigidimi esithi: “Yiya emlanjeni iJordan, uhlambe kasixhenxe. Ulusu lwakho lobuyela kwimo yalo yangaphambili, uhlambuluke.”

11. Kambe ke uNahaman wemka apho egqusha ngumsindo, esithi: “Mna bendicinga ukuba lo mfo uya kuphuma eze kum, akhe eme anqule igama likaNdikhoyo uThixo wakhe, futhi akhe awangawangise nangesandla kule ndawo, ukuze ke ndinyangeke.

12. Kanti, ngaba akukho mlambo ngoku eDamasko? Ziye phi iAbhana neFarpare, imilambo yokwenyani edlula nawuphi na okwaSirayeli? Bendingehlambi khona ndihlambuluke?” Wajika, wahamba enomsindo.

13. Ke zona izicaka zikaNahaman zaya kuye, zathi: “Nkosi, ukuba umshumayeli lowa ebethe yenza into enkulu kunale, ngaba ubungayi kuyenza na? Kukangakanani ke, nkosi, xa yena esithi: ‘Hlamba ukuze uhlambuluke’!”

14. Ngoko ke uNahaman wehla waya eJordan, wafika wantywila khona kasixhenxe ngokwelizwi awayelixelelwe ngumfo wakwaThixo. Ngenene ke ulusu lwakhe lwahlaziyeka lwahlambuluka lwaba njengolomntwana.

15. Ke kaloku uNahaman namaphakathi akhe lawo onke babuyela kumfo wakwaThixo. Wema phambi kwakhe wathi: “Ngoku ndiyaqonda ukuba akukho Thixo wumbi ehlabathini liphela ngaphandle kwalowo wakwaSirayeli! Ngoko ke nceda wamkele nasi isipho osinikwa sisicaka sakho!”

2 Yookumkani 5