8. Ke Eliya wawuthatha umnweba wakhe, wawusonga, waza wawabetha ngawo amanzi. Amanzi ke ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, baza ke bobabini bawela emhlabeni owomileyo.
9. Besakuba bewelile ke, uEliya ubuze kuElisha wathi: “Khawutsho, yintoni ofuna ndikwenzele yona phambi kokuba ndahlukaniswe nawe?”UElisha waphendula wathi: “Mandizuze isabelo esiphindiweyo somoya wakho, sibe lilifa lam.”
10. UEliya wathi: “Ùcele into enzima, kambe ke ukuba undibonile xa ndahlukaniswa nawe, woyifumana; kungenjalo ke akunakuyifumana loo nto.”
11. Bathe ke besahamba kunye njalo, suka kwee gqi inqwelo yomlilo enamahashe omlilo, yabahlukanisa, uEliya wenyuselwa ezulwini ngesaqhwithi.
12. UElisha ke wayibona yonke loo nto, waza wakhala wathi: “Awu, tata wam, tata wam! Nâzo iinqwelo nabamahashe bakwaSirayeli!” UElisha ke akaphindanga ambone uEliya. Wazibamba ke iimpahla zakhe, wazikrazula zaziziqwenge ezibini.
13. Wawuchola ke loo mnweba wawuwe kuEliya, waza waya kuma elunxwemeni lomlambo iJordan.
14. Wawuthatha loo mnweba wawuwe kuEliya, wabetha ngawo amanzi, wathi: “Uphi ngoku uNdikhoyo uThixo kaEliya, yena kanye?” Uthe ke akuwabetha amanzi lawo, suka ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, waza ke wawela.