16. waza uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Thatha isaphetha sibe sesandleni sakho.” Akusithatha ke, uElisha wabeka izandla zakhe phezu kwezo zokumkani, wathi:
17. “Vula ifestile engasempumalanga.” Watsho eyivula ukumkani, waza uElisha wathi: “Dubula!” Wadubula ke ukumkani, uElisha wathi: “Nâlo utolo lukaNdikhoyo loloyiso, utolo lokoyisa ama-Aram! Uya kuwoyisa uwatshabalalise ama-Aram eAfeki.”
18. Wabuya ke wathi: “Zithathe ezi ntolo.” Waza wazithatha ke ukumkani. UElisha wathi kuye: “Betha ngazo umhlaba.” Wabetha kathathu, wapheza.
19. Ke umfo wakwaThixo wakhathazeka, wathi: “Ngewubethe kahlanu okanye kathandathu, ukuze ube uloyise walitshabalalisa mpela elakwa-Aram. Ngoku uya kuyoyisa kathathu kuphela.”
20. UElisha wasweleka, waza ke wangcwatywa.Ke amaMowabhi ayedla ngokulihlasela elo lizwe ukuthwasa konyaka.
21. Kwathi ke kaloku amaSirayeli athile esangcwaba umntu, asuka abona iqela labahlaseli. Othuka, aza ke awuphosa engcwabeni likaElisha loo mzimba, wathi ke loo mzimba wakudibana namathambo kaElisha, suka waphila umntu lowo, wema ngeenyawo.
22. UHazayeli ukumkani wakwa-Aram wawacinezela amaSirayeli ngalo lonke ixesha lokulawula lukaYowahazi.
23. Kambe ke uNdikhoyo waba nesisa, wahlabeka, wavelana nawo ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi. Unanamhlanje ke akazimiselanga kuwatshabalalisa okanye awagxothe awabhebhethe kuphele.
24. Ukumkani uHazayeli wakwa-Aram wasweleka, kwaza esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uBhenadadi.
25. Ke uYowahashe unyana kaYowahazi wabuya wazithimba kuBhenadadi unyana kaHazayeli iidolophu awayezohluthe edabini esilwa noyise uYowahazi. Kwaba kathathu uYowahashe emoyisa, waza ke wazibuyisa iidolophu zamaSirayeli.