2 Yeziganeko 35:5-18 Ibhayibhile (XHO96)

5. “Yimani engcweleni nineqela labaLevi kuluhlu ngalunye lwemizi yamawenu, abantu ngokubanzi.

6. Xhelani amaxhwane ePasika, nizihlambulule, amawenu niwalungiselele amaxhwane, nenze loo nto wayiyalezayo uNdikhoyo ngoMosis.”

7. Abantu ababelapho uJosiya wabalungiselela amashumi amathathu amawaka eegusha neebhokhwe ezizezedini lePasika, kwakunye namawaka amathathu eenkomo – zonke ezo zinto ziphuma kukumkani ngokwakhe.

8. Nawo amaphakathi akhe enza izinwe akhuphela abantu nababingeleli nabaLevi. UHilekiya noZakariya noYehiyeli, abaphathi bendlu kaThixo, banika ababingeleli amakhulu angamashumi amabini anesithandathu amaxhwane ePasika kunye neenkomo ezimakhulu mathathu.

9. Kwakhona uKonaniya noShemaya noNataniyeli, abantakwabo, kunye noHashabhiya noYehiyeli noYozabhadi iinkokheli zabaLevi, bakhupha amawaka amahlanu amaxhwane ePasika, kunye namakhulu amahlanu eenkomo egameni labaLevi.

10. Yalungiselelwa inkonzo leyo, ababingeleli bema ngeendawo zabo nabaLevi kwizintlu zabo ngokomyalelo kakumkani.

11. Axhelwa amaxhwane ePasika, baza ababingeleli bafefa ngelo gazi lalinikezelwe kubo, baba bona abaLevi behlinza.

12. Bawabeka bucala amadini atshiswayo, ukuze bawanikezele kwizintlu zemizi, ukuze zinikele kuNdikhoyo njengoko kubhaliwe encwadini kaMosis. Benjenjalo ke nasezinkomeni.

13. Ngokommiselo ke amaxhwane ePasika bawosa emlilweni, wona amadini awodwa bawapheka ngeembiza, oongxawu, neepani, baza ke baphakela abantu ngokukhawuleza.

14. Kamva ke balungiselela bona kunye nababingeleli. Kaloku ababingeleli, inzala ka-Aron, babesenza amadini atshiswayo nawamanqatha kwada kwahlwa. Ngoko ke abaLevi bazilungiselela bona ziqu kwanababingeleli bendlu ka-Aron.

15. Iimvumi, inzala ka-Asafu, zazimi ngeendawo zazo ngokomyalelo kaDavide noAsafu noHeman noYedutun imboni kakumkani. Kwisango ngalinye abagcini-masango abemkanga, kuba amawabo abaLevi babebalungiselele.

16. Ngelo thuba ke yonke inkonzo kaNdikhoyo yaqhutywa, kubhiyozelwa iPasika, kusenziwa namadini atshiswayo kwiqonga likaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani uJosiya.

17. Ngelo thuba ke amaSirayeli awayekhona apho ayibhiyozela iPasika, aqhuba neSidlo seZonka ezingaNyuswanga, iintsuku zasixhenxe.

18. Ukususela kwimihla yomshumayeli uSamweli iPasika le yayingazange iqhutywe ngolu hlobo kwaSirayeli, kungekho nakumkani kwabakwaSirayeli wakha waqhuba iPasika ngendlela awayenza ngayo uJosiya enababingeleli nabaLevi, naye wonke uJuda noSirayeli, abantu ababelapho eJerusalem.

2 Yeziganeko 35