2 Yeziganeko 34:7-21 Ibhayibhile (XHO96)

7. wawachitha amaqonga, wazisusa neentsika zika-Ashera, imifanekiso wayicola yangumgubo, onke amaqonga eziqhumiso wawadiliza kwaSirayeli ephela. Waza ke wabuyela eJerusalem.

8. Ngonyaka weshumi elinesibhozo elawula uJosiya, ekulihlambululeni kwakhe ilizwe elo kunye nendlu kaThixo, wathumela uShafan unyana ka-Azaliya noMaseya umlawuli-sixeko, kunye noJowa unyana kaYowahazi umgcini-manqaku, ukuze bahlaziye indlu kaNdikhoyo uThixo wakhe.

9. Baya kumbingeleli omkhulu uHilekiya, baza bamnika imali eyayiziswe endlwini kaThixo, eyayiqokelelwe ngabaLevi ababengabagcini-minyango, baza bayiqokelela kubantu bakwaManase, abakwaEfrayim, nakuwo onke amasalela kaSirayeli, nakubantu bakwaJuda nabakwaBhenjamin, ngokunjalo nakubemi baseJerusalem.

10. Bayigcinisa kubafo ababemiselwe ukuvelela umsebenzi wendlu kaNdikhoyo. Aba bafo ke bahlawula abasebenzi ababehlaziya indlu kaThixo.

11. Enye imali bayinika abachweli nabakhi ukuze bathenge amatye akroliweyo kunye nomthi wokuhlanganisa nowemiqadi ukuze kulungiswe ezo zakhiwo zayekwa zabhodloka ngookumkani bakwaJuda.

12. La madoda awenza ngentembeko loo msebenzi. Ayekhokelwa nguYahati no-Obhadiya, abaLevi abayinzala kaMerari, kunye noZakariya noMeshulam, inzala kaKohati. Aba baLevi bonke babeziingcungela ekudlaleni izikhalisi zengoma;

13. ngabo ababevelele abathwali bempahla nabasebenzi kwiinkalo ngeenkalo zomsebenzi. Bambi abaLevi babengoonobhala, namagosa, nabagcini-masango.

14. Bathe besakhupha imali eyayiziswe endlwini kaNdikhoyo, umbingeleli uHilekiya wayibhaqa incwadi yomthetho kaNdikhoyo, leyo yayinikelwe kuMosis.

15. UHilekiya wathetha noShafan unobhala, wathi: “Apha endlwini kaNdikhoyo ndiyifumene incwadi yomthetho.” Waza ke wayinika uShafan.

16. UShafan ke incwadi leyo wayisa kukumkani, wamazisa wathi: “Izicaka zakho ziyakwenza konke ezikuthunyiweyo.

17. Imali ebisendlwini kaNdikhoyo ziyithathile zayinikezela kubaveleli babasebenzi.”

18. Waza ke unobhala uShafan waxelela ukumkani wathi: “Umbingeleli uHilekiya undinike incwadi.” Wandula ke uShafan ukufundela ukumkani incwadi leyo.

19. Akuweva ke amazwi omthetho lowo, ukumkani wasuka wazikrazula izambatho zakhe.

20. Wayalela uHilekiya, uAhikam unyana kaShafan, uAbhedon unyana kaMika, unobhala uShafan, noAsayi intong' esekhosi kakumkani, wathi:

21. “Hambani niye kubuzisa kuNdikhoyo malunga nam namasalela kaSirayeli noJuda, malunga noko kubhaliweyo kule ncwadi ivelileyo. Ayinganganto ingqumbo kaNdikhoyo ayiphokozele phezu kwethu, kuba oobawo abawathobelanga amazwi kaNdikhoyo, abaziphathanga ngokwala mazwi abhalwe kule ncwadi.”

2 Yeziganeko 34