2 Yeziganeko 31:10-21 Ibhayibhile (XHO96)

10. waza ke umbingeleli omkhulu, uAzariya wendlu kaZadoki wathi: “Oko abantu baqalayo ukuzisa imirhumo yabo endlwini kaNdikhoyo, sitsho sanokutya okwaneleyo kude kubekho nentsalela, kuba uNdikhoyo ubathamsanqele abantu bakhe – ewe, le ntaphane ingaka ngamasalela.”

11. UHezekiya wayalela ukuba kulungiswe oovimba endlwini kaNdikhoyo; yenziwa ke loo nto.

12. Beza nayo ngenyameko ke yonke imirhumo leyo – izishumi neminikelo. Owayevelele lo msebenzi yayinguKonaniya umLevi encediswa ngumntakwabo uShimeyi.

13. Ukumkani uHezekiya noAzariya iphakathi elalongamele indlu kaThixo, bamisela la madoda ukuba asebenze phantsi koKonaniya nomntakwabo uShimeyi: uYehiyeli, uAzaziya, uNahati, uAsaheli, uJerimoti, uYozabhadi, uEliyeli, uIsemakiya, uMahati, noBhenaya.

14. Ke kaloku uKore unyana kaImna umLevi owayengumlindi wesango elisempuma, wayongamele iminikelo yokuqhutywa yintliziyo enikelwa kuThixo, esaba imirhumo kaNdikhoyo kwakunye nezipho ezizodwa.

15. Wayencediswa nguEden, uMiniyamin, uYeshuwa, uShemaya, uAmariya, noShekaniya, besebenza ngenyameko kwiidolophu zababingeleli, ababingeleli bebabela ngokwamaqela abo, abadala kwanabanci, bengenagobe.

16. Ngaphezu koko babela bonke abangamadoda abaminyaka mithathu nangaphezulu abamagama afumanekayo kuludwe lweenkcukacha zomlibo – bonke ababenelungelo lokungena endlwini kaNdikhoyo basebenze imisebenzi yabo yemihla ngemihla kumaqela ahlukeneyo ngokwemisebenzi yawo.

17. Bababela ababingeleli ababhaliswe kuludwe ngokwezindlu zabo, ngokunjalo nabaLevi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, ngokwamaqela nemisebenzi yabo.

18. Babandakanya nabantwana, abafazi, oonyana neentombi zebandla lonke, abo bakuludwe lweenkcukacha zomlibo. Kaloku babethembekile ekuzihlambululeni.

19. Ke ababingeleli, inzala ka-Aron, abo babehlala emaphandleni ajikeleze iidolophu, kanti nasezidolophini, kwakhethwa amadoda ukuhambisa izabelo kuye wonke oyindoda phakathi kwabo, nakubo bonke abakuludwe lwemilibo yabaLevi.

20. Nantso ke imisebenzi eyenziwa nguHezekiya kulo lonke elakwaJuda; ewe, wenza okuhle nokufanelekileyo, wanyaniseka kuNdikhoyo uThixo wakhe.

21. Kuko konke awayekwenzela indlu kaThixo, nasekuthobeleni umthetho nemiyalelo, wayesoloko efunana noThixo wakhe, emsebenzela ngomxhelo wakhe wonke. Ngenxa yale nto ke waba nempumelelo.

2 Yeziganeko 31