2 Yeziganeko 28:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. Wayetshisa amadini kwintili kaBhen-hinom, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli.

4. Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.

5. Ngoko ke uNdikhoyo uThixo wakhe wamnikela kukumkani wama-Aram. Ama-Aram amoyisa, athimba abantu abaninzi, aya nabo eDamasko.Kananjalo wanikelwa nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli owamshiya neengxwelerha ezininzi.

6. Ngamini-nye uPeka unyana kaRemaliya wabulala ikhulu elinamashumi amabini lamawaka kumajoni akwaJuda; kaloku uJuda lo wayemlahlile uNdikhoyo uThixo wooyise.

7. UZikri ijoni lomEfrayim labulala uMaseya unyana kakumkani, noAzerikam iphakathi eliphambili ebhotwe, noElikana isekela likakumkani.

8. AmaSirayeli emka namabanjwa angamawawo, amakhulu amabini amawaka, bengabafazi, amantombazana, namakhwenkwe. Kanti ke bemka nento eninzi yamaxhoba, baya nayo eSamariya.

9. Kodwa ke khona apho kwakukho *umshumayeli kaNdikhoyo ogama linguOdede. Yena wabahlangabeza xa umkhosi ubuyela eSamariya. Wathi kubo: “Niyabona, uNdikhoyo uThixo wooyihlo umnikele esandleni senu uJuda ngenxa yengqumbo yakhe kuye. Kambe ke nina nibabulele ngengqumbo efikelele nasezulwini.

10. Phezu koko ke ngoku, la madoda nabafazi bakwaJuda naseJerusalem nizimisele ukubenza amakhoboka. Ukanti nani ngokwenu ninobutyala phambi koNdikhoyo uThixo wenu.

11. Ngoko ke ndiphulaphuleni! Amawenu la niwathimbileyo wagoduseni, kungenjalo ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwenu.”

12. Ke kaloku ezinye zeenkokheli zakwaEfrayim uAzariya unyana kaYohanan, uBherakiya unyana kaMeshilemoti, uHezekiya unyana kaShalum, noAmasa unyana kaHadelayi, zathetha nabo babevela edabini,

2 Yeziganeko 28