2 Yeziganeko 21:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kambe ke, ngenxa yomnqophiso kaNdikhoyo nendlu kaDavide, uNdikhoyo akavumanga ukuyitshabalalisa indlu kaDavide. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.

8. Ke ngexesha likaYehoram iEdom yamvukela uJuda, yazimisela owayo ukumkani.

9. Ngoko ke uYehoram waya khona namaphakathi akhe, nazo zonke iinqwelo zakhe. Ke amaEdom amrhawula kunye nezo njengele zeenqwelo, kambe ke yena wavuka ngobusuku waphuncuka.

10. Unanamhlanje ke iEdom isavukelene noJuda.Kwangelo xesha neLibhena yenza uvukelo, kuba kaloku uYehoram wayemlahlile uNdikhoyo uThixo wooyise,

11. kananjalo wakha iindawo eziphakamileyo zonqulo kwiinduli zakwaJuda, abantu baseJerusalem wabafaka kumkhwa wobuhenyu. Ewe, wamlahlekisa uJuda.

12. UYehoram wafumana ileta evela *kumshumayeli uEliya isithi: “UNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide uthi: ‘Wena akuhambanga ngeendlela zikayihlo uYoshafati okanye uAsa ukumkani wakwaJuda,

13. koko usuke wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli. UJuda nabantu baseJerusalem ubakhokelele kumkhwa wobuhenyu, njengoko yenzayo indlu ka-Ahabhi. Kananjalo ubabulele abantakwenu, usapho lwendlu kayihlo, amadoda ebengcono kunawe.

14. Ngoku ke uNdikhoyo uza kubetha kubantu bakho, oonyana bakho, abafazi bakho, nayo yonke into eyeyakho; ewe, uya kutsho ngesithonga esinzima.

15. Wena kanye uza kuhliwa luzenge-zenge lwesifo sezibilini; ewe, eso sifo siya kuzikhupha izibilini zakho.’ ”

16. Ke uNdikhoyo uYehoram wamxhokonxela amaFilistiya nama-Arabhu awayehlala ngakumaKushe.

17. Bamhlasela uJuda, batyhoboza, baza bazithatha zonke izinto ezixabisekileyo ezafumaneka ebhotwe, ndawonye nabafazi bakakumkani noonyana. Akusalanga namnye unyana ngaphandle kwephelo lakhe uAhaziya.

2 Yeziganeko 21