2 Yeziganeko 21:2-5 Ibhayibhile (XHO96)

2. Abantakwabo-Yehoram, oonyana bakaYoshafati, yayingooAzariya, uYehiyeli, uZakariya, uAzariyahu, iMikayeli, noShefatiya. Bonke abo ke ngoonyana bakaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli.

3. Uyise wabanika intaphane yezipho: isiliva, igolide, nezinto ezixabisekileyo, kananjalo nezixeko ezinqatyisiweyo kwelakwaJuda. Kambe ke wona umbuso wawunika uYehoram, kuba kaloku wayengunyana wamazibulo.

4. Akuba ezinzile embusweni kayise uYehoram wababulala bonke abantakwabo ndawonye namatshawe athile akwaSirayeli.

5. Ukuqala kwakhe ukulawula uYehoram wayeneminyaka emashumi mathathu anambini, waza ke walawula eJerusalem iminyaka yasibhozo.

2 Yeziganeko 21