22. Ke ngoku uNdikhoyo ufake umoya wobuxoki emilonyeni yabo bonke aba bashumayeli bakho. Ewe, uNdikhoyo ukumisele intlekele.”
23. Wasuka ke uZedekiya unyana kaKenana waya kuMika, wafika wamqhwaba ngempama, wathi: “Ugqithe phi na kum loo moya kaNdikhoyo ukuba aye kuthetha kuwe?”
24. UMika wathi: “Loo nto uya kuyiqonda mhla waya kuzimela kwigumbi elingaphakathi.”
25. Ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Mthatheni uMika lo, nimse kuAmon usibonda wesixeko noYowashe unyana kakumkani,
26. nithi: ‘Utsho ukumkani ukuthi: Valelani lo mfo entolongweni, angatyi nto ngaphandle komxheshwana wesonka namanzi, ndide ndibuye ndiphilile.’ ”
27. Ke uMika wathi: “Ukuba ngaba ungabuya uphilile, woba uNdikhoyo engathethanga ngomlomo wam.” Waza ke wongezelela ngelithi: “Wagqaleni la mazwi xa ninonke, bantundini!”
28. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda benyuka baya eRamoti yaseGiliyadi.
29. Ukumkani wakwaSirayeli wathetha noYoshafati, wathi: “Mna ndiza kungena kweli dabi ndinxibe ngendlela eya kundenza ndingaqondakali ukuba ndingukumkani, kodwa ke wena nxiba ezobukhosi.” Ke ukumkani wakwaSirayeli wazenza mntu wumbi, waza ke waya apho edabini.
30. Ke ukumkani wama-Aram waziyalela iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakhe wathi: “Ze ningalwi naye nawuphi na omnye umntu, nokuba ngomncinci, nokuba ngomkhulu, yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.”
31. Zithe ke iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakubona uYoshafati, zacinga zathi: “Nguye lo ukumkani wakwaSirayeli.” Ngoko ke zaphethuka zafunzela kuye, kodwa uYoshafati wasuka wakhala, waza ke uNdikhoyo wamhlangula. Ewe, uThixo wenza ukuba zirhoxe zimke ngakuye;
32. kaloku zathi iingqwayi-ngqwayi ezo zakuqonda ukuba akanguye ukumkani wakwaSirayeli, zayeka ukumsukela.
33. Kambe ke joni lithile lasuka lajolisa nje ngokungakhathali ngotolo, suka lachana ukumkani wakwaSirayeli, utolo lwangena ekudibaneni kwezikhuselo awayezinxibile. Ukumkani wathetha nomqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Bandingxwelerhile; yijike inqwelo, siphume edabini.”
34. Idabi laqhuba ke yonke loo mini, wabe yena ukumkani wakwaSirayeli emi ebambelele enqwelweni yakhe, ejongise ngakuma-Aram kwada kwahlwa. Kambe ke ukutshona kwelanga wafa.