15. Ukumkani wathi kuye: “Koda kube kangaphi ndikufungisa ndisithi musa ukundixelela nto yimbi ngaphandle kwenyaniso egameni likaNdikhoyo?”
16. UMika wathi: “Ewe, uSirayeli ndimbone ethe saa ezintabeni, engathi ziigusha ezingenamalusi; waza uNdikhoyo wathi: ‘Aba bantu abanankosi, ngoko ke elowo nalowo makagoduke ngoxolo.’ ”
17. Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Bendingatshongo na kuwe ukuba lo mfo akaze ashumayele into entle ngam, koko zezimbi zodwa!”
18. Ke uMika waqhuba wathi: “Ngoko ke liveni ilizwi likaNdikhoyo. UNdikhoyo ndimbone ehleli esihlalweni sakhe, umkhosi wonke wasezulwini umi ngasekunene nangasekhohlo kwakhe.
19. Waza ke yena wathi: ‘Yaz' ukuba ngubani na oya kulukuhla uAhabhi aze ahlasele iRamoti yaseGiliyadi, khon' ukuze afele khona?’ Omnye uthethe ngolu hlobo, waza ke omnye wathetha ngoluya.
20. Ekugqibeleni ke kuvele moya uthile, wema phambi koNdikhoyo, wathi: ‘Ndiya kumlukuhla mna.’
21. ‘Uya kumlukuhla kanjani?’ ubuzile uNdikhoyo. Umoya lowo uthe: ‘Ndophuma ndiye ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabo bonke abashumayeli.’ Waza ke uNdikhoyo wathi: ‘Hamba ke, wenjenjalo; uya kuphumelela ekumlukuhleni.’
22. Ke ngoku uNdikhoyo ufake umoya wobuxoki emilonyeni yabo bonke aba bashumayeli bakho. Ewe, uNdikhoyo ukumisele intlekele.”
23. Wasuka ke uZedekiya unyana kaKenana waya kuMika, wafika wamqhwaba ngempama, wathi: “Ugqithe phi na kum loo moya kaNdikhoyo ukuba aye kuthetha kuwe?”
24. UMika wathi: “Loo nto uya kuyiqonda mhla waya kuzimela kwigumbi elingaphakathi.”
25. Ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Mthatheni uMika lo, nimse kuAmon usibonda wesixeko noYowashe unyana kakumkani,
26. nithi: ‘Utsho ukumkani ukuthi: Valelani lo mfo entolongweni, angatyi nto ngaphandle komxheshwana wesonka namanzi, ndide ndibuye ndiphilile.’ ”
27. Ke uMika wathi: “Ukuba ngaba ungabuya uphilile, woba uNdikhoyo engathethanga ngomlomo wam.” Waza ke wongezelela ngelithi: “Wagqaleni la mazwi xa ninonke, bantundini!”
28. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda benyuka baya eRamoti yaseGiliyadi.
29. Ukumkani wakwaSirayeli wathetha noYoshafati, wathi: “Mna ndiza kungena kweli dabi ndinxibe ngendlela eya kundenza ndingaqondakali ukuba ndingukumkani, kodwa ke wena nxiba ezobukhosi.” Ke ukumkani wakwaSirayeli wazenza mntu wumbi, waza ke waya apho edabini.