2 Yeziganeko 13:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngonyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaJerobhowam, uAbhiya waba ngukumkani wakwaJuda,

2. waza ke walawula eJerusalem iminyaka emithathu. Unina yayinguMahaka intombi kaUriyeli waseGibheya.Yayisoloko iyimfazwe phakathi koAbhiya noJerobhowam.

3. UAbhiya walwa noJerobhowam, uAbhiya enomkhosi wamawaka angamakhulu amane amajoni angoompondo-zihlanjiwe. Ke uJerobhowam wangena kuloo mfazwe enomkhosi ongamakhulu asibhozo amawaka amajoni aziimbalasane.

2 Yeziganeko 13