2 Yeziganeko 12:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uRehobhowam akuba ewuzinzisile umbuso wakhe selomelele, wasuka yena noSirayeli ephela bawulahla umthetho *kaNdikhoyo.

2. Ngenxa yokunganyaniseki kwabo *kuNdikhoyo, uShishaki ukumkani waseJiputa wayihlasela iJerusalem xa ukumkani eRehobhowam akunyaka wesihlanu.

3. Umkhosi wakhe wawuneshumi elinambini lamakhulu eenqwelo, namawaka angamashumi amathandathu abakhweli-mahashe, kunye nenyambalala yamajoni angamaLibhiya namaSuki namaKushe awayephuma nawo eJiputa.

4. Wazithimba iidolophu ezinqatyisiweyo zakwaJuda, wada waya kuthi xhaxhe eJerusalem.

5. Ngelo thuba ke kwafika umshumayeli uShemaya kuRehobhowam neenkokheli zakwaJuda ezaziqokelelene eJerusalem ngokoyika uShishaki, wathetha nabo wathi: “UNdikhoyo uthi: ‘Kaloku nindilahlile, ngoko ke ngoku nam ndiza kuniyekela kuShishaki.’ ”

6. Ke kaloku iinkokheli zakwaSirayeli kunye nokumkani zazithoba zathi: “UNdikhoyo wenza ngobulungisa!”

7. Ke uNdikhoyo, akubona ukuba bayazithoba, wathumela eli lizwi kuShemaya wathi: “Ngenxa yokuba bezithobile andisayi kubatshabalalisa, koko ndokhawuleza ndibahlangule. Andisayi kuwuphokozela eJerusalem ngoShishaki umsindo wam.

8. Kambe ke baza kuba phantsi kwakhe, ukuze bawufunde umahluko phakathi kokukhonza mna nokukhonza ookumkani bezinye izizwe.”

2 Yeziganeko 12