2 Kasamweli 7:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba ukumkani ezinzile kwikomkhulu lakhe, *noNdikhoyo emnike ukuphumla kuzo zonke iintshaba ezimnqongileyo,

2. wathetha *nomshumayeli uNatan wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi kaThixo ihlala nje ententeni!”

3. UNatan wathi kukumkani: “Nantoni na oyicingayo qhubela phambili uyenze, kuba uNdikhoyo unawe.”

4. Ngobo busuku ke lafika kuNatan ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

5. “Hamba, uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ngaba iya kuba nguwe na ondakhela indlu endiya kuhlala kuyo?

6. Ukususela mhla ndawakhupha eJiputa amaSirayeli, kude kube namhlanje, andizange ndihlale endlwini; bendisoloko ndihamba-hamba ndihlala ententeni, nditsho kanye umnquba.

7. Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’

8. “Ke ngoko yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli.

2 Kasamweli 7