2 Kasamweli 6:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uDavide waphinda wabiza awona magorha omkhosi wakwaSirayeli, amashumi amathathu amawaka ewonke,

2. waya nawo eBhali kwaJuda ukuya kulanda khona ityesi yomnqophiso kaThixo, enegama *likaNdikhoyo onamandla onke, ongqendeve phezu kwemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko.

3. Baya kwa-Abhinadabhi, omzi wawumi phezu kwentaba, bafika bayithatha bayilayisha enqwelweni entsha. Loo nqwelo yayiqhutywa ngooUza noAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi.

4. Ewe, ityesi yomnqophiso kaThixo bayithatha kwindlu ka-Abhinadabhi ephezu kwentaba, bahamba nayo uAhiyo ekhokele.

5. Babesombela, bexhentsa, bemathontsi ooDavide kunye namaSirayeli onke, bedumisa uNdikhoyo. Kwakubethwa iihapu neekatala, kuduma amagubu, kukhenkceza iintsimbi namacangci.

6. Bathi bakufika ngasesandeni sakwaNakon, zakhubeka iinkabi, waza u-Uza wabamba ityesi kaThixo eyixhasa.

7. Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza ngenxa yeso senzo sakhe sokungahloniphi. Ke uThixo wambetha u-Uza wafela apho ngakuloo tyesi kaThixo.

8. Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kuthiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.

9. Wangenwa kukumoyika uNdikhoyo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ingeza njani na kum ityesi kaNdikhoyo?”

10. Akavumanga ke uDavide ukuba sayisa kwakhe kwisixeko sikaDavide ityesi kaNdikhoyo, suka wayijika wayisa endlwini kaObhedi-edom umGati.

11. Yahlala apho iinyanga zantathu; uNdikhoyo wamthamsanqela uObhedi-edom nomzi wakhe wonke.

2 Kasamweli 6