1. Unyana kaSawule uIshbhoshete waphelelwa ngamandla zakufika iindaba zokuba uAbhinere ufele eHebron, othuka kakhulu namaSirayeli.
2. Ke kaloku uIshbhoshete wayenabafo ababini abaziinkokheli zabanqolobi. Ayezizinto zikaRimon wesizwe sakwaBhenjamin eBheroti. Amagama abo bafo yayinguBhana noRekabhi. IBheroti le ibalelwa kwaBhenjamin.
3. Abemi balapho basabela eGitayim, apho bahlala khona kude kube ngoku bengabangeneleli.
4. UJonatan unyana kaSawule wayenonyana osisiqhwala kwiinyawo zombini. Wayeminyaka mihlanu ukufa kukayise-mkhulu uSawule noJonatan uyise. Kwathi ukufika kodaba lokufa kwabo, luvela eYizereli, yothuka yamfunqula ibaleka ineni yakhe, waphuncuka wawa, kuba kaloku yayingxamile. Waba sisiqhwala ke loo mntwana. Igama lakhe lalinguMefibhoshete.
5. Basuka ke uRekabhi noBhana oonyana bakaRimon waseBheroti, benjenjeya ukuya kwaIshbhoshete, bafika khona emini emaqanda, ngexesha esangqengqile, ephumle ngokwesiqhelo sakhe emini ngelo xesha.