10. Ndiza kumncedisa ukuhlutha ulawulo kwindlu kaSawule, kungene uDavide esihlalweni, alawule kwaSirayeli nakwaJuda, ukususela kwaDan kuse eBheshebha.”
11. Akabuyanga awuvule owakhe umlomo uIshbhoshete, kuba wayemoyika uAbhinere.
12. UAbhinere wathumela izigidimi kuDavide ukumthethela, esithi: “Hi bethu, ngaba lelikabani na eli lizwe? Ukuba thina sithe senza imvumelwano, ndokunceda, amaSirayeli onke ndiwagayele kwicala lakho.”
13. UDavide wathi: “Kulungile, kodwa ndosenza nawe isivumelwano kuphela ngaphantsi kwalo mqathango: kufuneka uze apha kum noMikali intombi kaSawule.”
14. Emva koko uDavide uthumele isigidimi kuIshbhoshete unyana kaSawule, wathi: “Ndikhululele umkam endamlobola ngamajwabu amaFilistiya alikhulu.”
15. UIshbhoshete wathi makaye kulandwa uMikali kwaPaltiyeli unyana kaLayishe, umyeni wakhe wesibini.
16. Suka uPaltiyeli walandela umfazi, ehamba elila njalo ukuya kutsho eBhawurim. Wathi kuye uAbhinere: “Jika! Uya phi?” Wajika wagoduka uPaltiyeli.
17. Ke kaloku uAbhinere wabhekisa kumadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi: “Kudala ninqwenela ukulawulwa nguDavide.
18. Nali ke ngoku elo thuba. Ze nikhumbule ukuba nguNdikhoyo owathi kuDavide: ‘Sisicaka sam uDavide endiya kukhulula abantu bam amaSirayeli ngaso kumaFilistiya nakuzo zonke iintshaba zabo.’ ”
19. Waya nakwaBhenjamin uAbhinere, wawubhekisa nakubo lo mlomo. Usuke apho waya kuDavide eHebron, wamchazela ngeembono zabantu bakwaBhenjamin nabakwaSirayeli.
20. Kwathi akuya eHebron uAbhinere, ehamba namashumi amabini amadoda, beye kuDavide, bafika behlinzekelwe.
21. UAbhinere wathi kuDavide: “Sendikulungele ukuwagayela ngakwicala lakho onke amaSirayeli, mhlekazi, khon' ukuze uvumelane nawo, ube ngukumkani wawo, ulawule phezu kwako konke obe ukade ukunqwenela.” UDavide ke wamndulula uAbhinere, wahamba ngoxolo.
22. Emva koko kwafika amadoda kaDavide, ehamba noJowabhi, evela kunqoloba, eze namaxhoba amaninzi. Wayeselemkile eHebron uAbhinere emva kokundululwa kwakhe ngoxolo nguDavide.