1. Ke kaloku kwaba lixesha elide kukho imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide. Lo gama iphelelwayo indlu kaSawule, ekaDavide yona yayisiya iqina ngokuqina.
2. EHebron uDavide wazala oonyana. Izibulo yayinguAmnon, ezalwa nguAhinowam waseYizereli;
3. kuze owesibini uKiliyabhu, ezalwa nguAbhigeli umhlolokazi owashiywa nguNabhali waseKarmele; ibe nguAbhasalom owesithathu, owayezelwe nguMahaka intombi kaTalemayi ukumkani waseGeshuri;
4. kulandele owesine uAdoniya, ezalwa nguHagiti; kuze owesihlanu uShefatiya, ezalwa nguAbhitali;
5. kugqibele owesithandathu uItram, owazalwa nguEgla umka-Davide. Ngabo abo ke oonyana uDavide awabazala eHebron.
6. Ngexesha kuliwayo yile mizi mibini, okaSawule nokaDavide, kwicala likaSawule uAbhinere wayezandisela iwonga.
7. Ke kaloku uSawule wayenenkazana enguRizpa intombi ka-Aya, kwaza ngenye imini unyana kaSawule uIshbhoshete wathi kuAbhinere: “Yini na ukuba ulale nenkazana kabawo?”