1. Wabuya wavutha umsindo *kaNdikhoyo ngakumaSirayeli, waza waxhokonxa uDavide ukuchasana nawo, esithi: “Yiya uwabale amaSirayeli namaJuda.”
2. UDavide ukumkani uyalele uJowabhi umphathi-mkhosi owayekunye naye, wathi: “Zibale zonke izizwe zakwaSirayeli, ukususela kwaDan kuse eBheshebha, khon' ukuze ndilazi inani labantu.”
3. Ke yena uJowabhi wathi kukumkani: “Ngamana uNdikhoyo uThixo wakho wabandisa kalikhulu abantu, aze amehlo enkosi yam ukumkani ayibone loo nto. Kodwa ke, nkosi yam mhlekazi, ngani ukuba ufune ukwenza into enje?”
4. Kambe ke ilizwi likakumkani laboyisa ooJowabhi nabaphathi-mkhosi, baza ke bahamba bamshiya ukumkani, baya kubala uluntu lwakwaSirayeli.
5. Bawuwela umlambo iJordan, baya kuqalisa emazantsi eArohere kwisixeko esasisembindini wentlambo kummandla wakwaGati. Besuka apho baya emantla weYazere,
6. bedlulela eGiliyadi nakummandla waseTatim-hodeshe, baya kutsho kwaDan-yahan, benjenjeya ukusa eSidon.
7. Besuka apho bajonga emazantsi kwidolophu yaseTire eyayinqatyisiwe, baya badlulela nakuzo zonke iidolophu zamaHivi namaKanana, baya kugqibela ngeBheshebha ekumzantsi welakwaJuda.