17. “Andinakuze ndiwasele la manzi, Ndikhoyo. Loo nto ingafana nqwa nokusela igazi lala madoda abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.
18. UAbhishayi, umntakwabo-Jowabhi, onina unguZeruya, yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu, wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.
19. Ewe, waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywanga kuloo magorha mathathu.
20. Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama.
21. Wabulala nesigantsontso somJiputa ophethe umkhonto. UBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa.
22. Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu.
23. Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.
24. Kuloo magorha angamashumi amathathu kwakukho aba:YayinguAsayeli umntakwabo-Jowabhi,uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,
25. uShama waseHarodi,uElikana waseHarodi,
26. uHeleze wasePeleti,kunye noIra unyana kaIkeshe waseTekowa.
27. Wayelapho uAbhiyezere waseAnatoti,noMebhunayi waseHusha,
28. uZalmon waseAhoyi,kwakunye noMaharayi waseNetofa,
29. uHelebhe unyana kaBhana waseNetofa,noItayi unyana kaRibhayi waseGibheya kwaBhenjamin.
30. Wayelapho uBhenaya wasePiraton,uHidayi wamaxandeka aseGahashe,
31. kunye noAbhiyalebhon waseBhete-arabha,uAzemavete waseBhawurim,
32. noEliyabha waseShalebhon.Zazilapho iinto zikaYashene,noJonatan
33. unyana kaShama waseHarari,kunye noAhiyam unyana kaSharare waseHarari,
34. uElifelete, unyana ka-Ahasebhayi waseMahaka,uEliyam unyana ka-Ahitofele waseGilo,