15. UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.”
16. Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni eBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi:
17. “Andinakuze ndiwasele la manzi, Ndikhoyo. Loo nto ingafana nqwa nokusela igazi lala madoda abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.
18. UAbhishayi, umntakwabo-Jowabhi, onina unguZeruya, yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu, wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.
19. Ewe, waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywanga kuloo magorha mathathu.
20. Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama.
21. Wabulala nesigantsontso somJiputa ophethe umkhonto. UBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa.
22. Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu.
23. Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.
24. Kuloo magorha angamashumi amathathu kwakukho aba:YayinguAsayeli umntakwabo-Jowabhi,uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,
25. uShama waseHarodi,uElikana waseHarodi,
26. uHeleze wasePeleti,kunye noIra unyana kaIkeshe waseTekowa.
27. Wayelapho uAbhiyezere waseAnatoti,noMebhunayi waseHusha,