19. wathi: “Mhlekazi, ndixolele into endakwenza yona ngamhla uyishiya iJerusalem. Musukuba sandixhiba, ungabi sayicinga konke loo nto.
20. Ndiyazi ukuba ndakona, mhlekazi. Yiyo ke loo nto ndingowokuqala kwindlu kaJosefu ukuza kufika apha, ndikukhawulele namhlanje.”
21. Kwathetha uAbhishayi, unyana kaZeruya, wathi: “Makabulawe uShimeyi lo ngokuqalekisa umthanjiswa *kaNdikhoyo.”
22. UDavide wathi: “Yintoni endidibanisa nani, bonyana bakaZeruya? Kutheni le nto nifana neentshaba kum namhlanje? Kaloku ndim ngoku ukumkani wakwaSirayeli; ngoko ke akukho mSirayeli uya kubulawa namhlanje.”
23. Uqhube wathi ebhekisa kuShimeyi: “Akuyi kufa.” Waza ke ukumkani wathembisa oku ngesifungo.
24. Kufike uMefibhoshete, umzukulwana kaSawule, naye eze kukhawulela ukumkani. Wayengazange azihlambe iinyawo, achebe amabhovu, nezambatho sezawagqibela kudala amanzi, okoko wemkayo eJerusalem uDavide kude kuze kuba yile mini abuya noloyiso.
25. Uthe akufika evela eJerusalem, wathi kuye ukumkani: “Mefibhoshete, kwakutheni ukuze ungahambi nam?”
26. Uphendule ngelithi uMefibhoshete: “Mhlekazi, nkosi yam, uyazi ukuba ndisisiqhwala. Ndathi isicaka sam uZibha masibophe idonki ndihambe ngayo ndikukhaphe, kodwa sona sasuka sandiphoxa.
27. Saza kuxoka ngam kuwe, mhlekazi. Kambe ke wena mhlekazi, nkosi yam, usisithunywa sikaThixo – yenza loo nto ubona ifanele.
28. Kwathi umzi kabawo umelwe kukubulawa, wena wathi mandiye kuhlala kwakho. Andisenako nokuba ndibe sacela isisa kuwe ngoku, mhlekazi.”
29. Ukumkani wathi kuye: “Musa ukuba sathetha; ndigqibe kwelokuba wena noZibha nahlulelane ngomhlaba kaSawule.”
30. UMefibhoshete wathi kukumkani: “Makakuthathe konke uZibha, mhlekazi. Mna ndixolile kukubona wena ubuyela ekhaya.”
31. UBhazilayi waseGiliyadi wayekho naye, evela eRogelim, eze kuphuthuma ukumkani eJordan.
32. Wayesele eyinkonde emashumi asibhozo ubudala. Wayesisityebi, esoloko emondla ukumkani ngokuya wayeseMahanayim.