2 Kasamweli 15:23-37 Ibhayibhile (XHO96)

23. Kwahlokoma ilizwe sisikhalo ekumkeni kukaDavide nabantu bakhe. Wenjenjeya ukumkani ukuya kuwela umlanjana iKedron, elandelwa ngabantu bonke, baya kutsho entlango.

24. Wayelapho phakathi kwabo uZadoki umbingeleli, ekunye nabaLevi, bethwele ityesi yomnqophiso kaThixo. Bayibeka phantsi ngakuAbhiyatare, bayilinda kwada kwaphuma wonke umntu esixekweni.

25. Emva koko wathi kuZadoki ukumkani: “Le tyesi kaThixo yibuyisele kwasesixekweni. Ukuba uNdikhoyo undigcinile ndobuya ndiyibone kwakhona isendaweni yayo.

26. Kodwa ke ukuba uNdikhoyo uthe kum: ‘Andaneliseki nguwe,’ ndim lo, makandenze loo nto ikholekileyo emehlweni akhe.”

27. Uqhube wenjenje ukumkani ebhekisa kuZadoki umbingeleli: “Uyayibona imeko, wena ungahamba ngoku, ubuyele esixekweni kunye noAbhiyatare, nihambe kunye nâbo bafana babini, lowo wakho uAhimazi kunye noJonatan unyana ka-Abhiyatare.

28. Uyabona, mna ndiya kulinda phaya emazibukweni entlango, kude kufike ilizwi elivela kuwe lokundazisa.”

29. Ke uZadoki noAbhiyatare babuyela eJerusalem, bethwele ityesi yomnqophiso, baza bahlala apho.

30. UDavide wahamba elila ukunyuka kwakhe iNtaba yemiNquma, egqubuthele, engafakanga nto nasezinyaweni. Bonke ababehamba naye nabo babegqubuthele, behamba belila.

31. Waxelelwa uDavide kwathiwa: “Naye uAhitofele ukwicala labavukeli kunye noAbhasalom.” Ke uDavide wathandaza wathi: “Uzuwaphanzise, Ndikhoyo, amacebo ka-Ahitofele!”

32. Uthe uDavide xa aqabela encochoyini yenduli, efika apho kwakunqulwa khona, wafika elindelwe nguHushayi umArki, etsho ngezambatho ezikrazukileyo, intloko inomhlaba.

33. UDavide wathi kuye: “Akukho nto uya kundinceda ngayo xa uhamba kunye nam.

34. Kanti ke xa ubuyela kwasesixekweni uya kundinceda uphanzise amacebo ka-Ahitofele, ufike uthi kuAbhasalom: ‘Ndisisicaka sakho, mhlekazi kumkani! Bendifudula ndisisicaka sikayihlo, kodwa ngoku ndisisicaka sakho.’

35. UZadoki noAbhiyatare ababingeleli uya kufika bekho nako; uze uyixele kubo yonke intshukumo yakomkhulu.

36. Bakho nabo ooAhimazi unyana kaZadoki noJonatan unyana ka-Abhiyatare; wondazisa ngako konke okuvileyo komkhulu.”

37. Wenjenjeya uHushayi, umhlobo kaDavide, ukuya esixekweni, waya kufika kanye xa uAbhasalom angenayo eJerusalem.

2 Kasamweli 15