18. Isicaka samkhupha uTamare, saza satshixa ucango.UTamare wayenxibe isambatho eside esinemikhono emide. Kaloku eso sasisinxibo seentombi ezizalwa komkhulu ngaloo mihla.
19. Wazigalela ngothuthu entloko uTamare, wasikrazula eso sambatho sakhe side, wathwala izandla entloko, wasitsho isikhalo, ebheka ngakowabo.
20. Uvele kweso sithuba umnakwabo uAbhasalom, wathi: “Ukudlwengule umnakwenu uAmnon? Hayi, dade, musa ukuzikhathaza ngale nto. Ligazi lakho kaloku uAmnon; uze ungamxhibi.” Waya kuhlala kwamnakwabo uAbhasalom uTamare, ephila ubomi belolo.
21. Wavutha ngumsindo ukumkani uDavide zakufika kuye ezo ndaba.
22. Yena uAbhasalom wamthiya uAmnon ngenxa yokudlwengula udade wabo, kangangokuba akazange aphinde afune nokuthetha oku naye.
23. Emva kweminyaka emibini uAbhasalom waba netheko lokuhlinzeka abachebi bakwakhe. Wayelenzela eBhali-hazore engasemdeni welakwaEfrayim. Wayememele bonke oonyana bakakumkani kwelo theko.
24. Usuke waya kukumkani uDavide uAbhasalom, wafika wathi: “Mhlekazi, kuyachetywa phaya kwam, ke bendinqwenela ukuba umhlekazi namaphakathi akhe babekho kwitheko eliza kwenziwa.”
25. Ukumkani wathi kuAbhasalom: “Hayi, mfo wam, masingayi sonke, hleze wonganyelwe ngumsebenzi xa silapho sonke.” Waba ngacenga uAbhasalom, akavuma uDavide. Ndaweni yaloo nto suka wamndulula ngokumthamsanqela.
26. Ke uAbhasalom wathi: “Xa ungavumiyo wena, bawo, umntakwethu uAmnon ngewumkhulula yena ahambe nathi.”Ukumkani wathi kuye: “Ahambele ntoni nawe?”
27. Wacenga uAbhasalom, wada wavuma uDavide ukukhulula uAmnon ahambe noonyana bonke bakakumkani.
28. UAbhasalom wafika wayalela izicaka zakhe ngelithi: “UAmnon lo nize nimqaphele, nimbone ukuba seleyobile yiwayini, nimgwaze afe ndakutsho kuni ukuthi: ‘Mbulaleni uAmnon!’ Ze ningoyiki, kutsho mna, niyeva! Ze niqine, nikhaliphe.”
29. Hayi ke, izicaka zika-Abhasalom zenza ngokomyalelo wenkosi yazo uAbhasalom. Bonke oonyana bakakumkani bathi khwasu bakhwela iimbongolo zabo, babaleka.
30. Zafika kuDavide besesendleleni egodukayo ezo ndaba zithi: “UAbhasalom ubabulele bonke oonyana bakakumkani, akwasala noba abe mnye.”
31. Ukumkani wathi khwasu kwangoko, wakrazula izambatho zakhe, waqungquluza emhlabeni. Amaphakathi akhe onke nawo azikrazula ezawo izambatho emi ngakuye.