2 Kasamweli 13:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uDavide wayenonyana ogama linguAbhasalom, odade wabo yayinguTamare owayeyinzwakazi. Omnye woonyana bakaDavide ogama linguAmnon, usuke wayithanda le nzwakazi.

2. Wahlupheka uAmnon ngangokude agule ngenxa yodade wabo uTamare, kodwa kwakungekho nto anokuyenza kuye, kuba wayeyintombi engazani nandoda.

3. Phofu kwakukho mfo owayevana noAmnon, owayenguYonadabhi igama; wayengunyana kaShama ongumntakwabo-Davide. UYonadabhi lo wayengumfo onamacebo.

4. UYonadabhi wathi kuAmnon: “Ungunyana kakumkani, kodwa imihla nezolo akukhululekanga; khawutsho, kwenzeke ntoni?”“Hayi, ndifuna uTamare, lo ungudade bomntakwethu uAbhasalom,” utshilo uAmnon.

5. UYonadabhi wathi kuye: “Zenze umntu ongaphilanga, uye kulala. Uze uthi, akufika uyihlo eze kukubona, uthi kuye: ‘Nceda uthumele udade wethu uTamare, eze kundonga. Ndifuna aze kundilungiselela ukutya apha phambi kwam, andityise ngesakhe isandla.’ ”

6. Wazenza ogulayo ke uAmnon, waya kulala.Ukumkani waya kumvelela uAmnon, waza yena wathi kukumkani: “Bawo, ndicela uthumele uTamare udade wethu eze kundenzela amaqebengwane amabini ndijongile, andityise ngesakhe isandla.”

7. UDavide ke wathumela kuTamare ebhotwe esithi: “Khawuye endlwini yomnakwenu uAmnon, umenzele into etyiwayo.”

2 Kasamweli 13