2 Kasamweli 11:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngentlako-hlaza ngexesha iikumkani zazidla ngokulwa iimfazwe ngalo, uDavide wandulula uJowabhi kunye namaphakathi nawo wonke umkhosi wakwaSirayeli. Bawachitha-chitha ama-Amon, basingqinga nesixeko sawo iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem.

2. Ngamhla uthile, ukujika kwelanga, kwathi uDavide esahamba-hamba kumgangatho ophezu kophahla lwebhotwe, esandula ukuvuka emandlalweni wakhe, wabona umfazi ehlamba umzimba. Yaye iyinzwakazi kanobom leyo.

3. Wathumela umntu uDavide, efuna ukuqonda ukuba wayengubani na loo mfazi. Kwathiwa: “NguBhashebha, intombi kaEliyam. Ngumka-Uriya, umfo waseHeti.”

4. UDavide ke wathumela izigidimi ukuba zize naye. Waziswa ke kuye, waza yena walala naye. Oku kwenzeka xa loo mfazi wayesandula ukuzihlambulula emva kokuba sexesheni. Emva koko uBhashebha wabuyela emzini wakhe.

5. Wamitha ke loo mfazi, waza wathumela kuDavide esithi: “Ndikhulelwe.”

6. UDavide usuke wathumela umyalelo kuJowabhi, wathi: “Mthumele kum apha u-Uriya umHeti.” Ke uJowabhi wamthumela kuDavide u-Uriya.

7. Akufika u-Uriya uDavide wambuza ngempilo kaJowabhi, nempilo yomkhosi, nokuba imfazwe iqhuba njani na.

8. Emva koko uDavide uthe ku-Uriya: “Hamba uye endlwini yakho, ukhe uhlambe iinyawo.” Waphuma ke u-Uriya komkhulu, kwalandela isipho esivela kukumkani, sasiwa kwakhe.

9. Akazange agoduke yena u-Uriya; wasuka waya kulala phaya ngasesangweni lakomkhulu kunye nezicaka zikakumkani.

2 Kasamweli 11